Uisaya 24 XHO96

Ihlabathi liza kohlwaywa

1 *UNdikhoyo uza kulibharhis' ihlabathi;uya kubetha kutsho kube senkangala;uya kulitsho lenz' uqulukubhode,abemi balo bona babe ziintsali.

2 Akayi kukhetha bani;kubo bonke ukufa kobe kunkongolo.Kofana kumbingeleli nakwibandla,ibe yiloo nto kumnumzana nesicaka sakhe;kube kwanjalo kwinkosikazi nesicakazana,kumthengi nakulowo uthengisayo;kube yiloo nto kumboleki nakumbolekisi,kwizityebi nakwabo balambileyo.

3 Ihlabathi liya kuba yinkangala exushekileyo;liya kuba ngumqwebedu oxhwithekileyo.Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.

4 Nâlo ihlabathi lirhawuka, litshaza.Ewe, ihlabathi liyangcungcutheka, liyabuna;isibhakabhaka nomhlaba ziyatshitsha.

5 Uluntu luligqwalisile eli hlabathi;ngokwaphula imiyalelo kaThixo bonakalisile.Ewe, imimiselo yakhe bayikrobozile,baza bawuxusha ngeenyawo umnqophiso waphakade.

6 Ngoko ke liqalekisiwe ihlabathi,nabemi balo ke libambethe ityala.Ewe, uluntu nalo ke lutsho larhawuka;ngoku liqaqobana kuphela eliseleyo.

7 Izidiliya nazo ke zitshazile,newayini ke itsho yanqaba;ababefudula bonwabile bathe rhubaxa.

8 Ingoma ekhatshwa yingqongqo inqamkile,imikhwazo yolonwabo nayo iphelile,ukuhlasimlisa kwesigingci kukombela.

9 Intselo-tywala ayisakhatshwa yimihlali;ngoku utywala buyakrakra nakwiindla-manzi.

10 Isixeko nâso sitsho sangumbhodamo;iminyango yezindlu ke yona ivalwe mba.

11 Ezitalatweni phaya balilela utywala;imivuyo yabo ijike yakukudakumba;imihlali nolonwabo zimkile ehlabathini.

12 Isixeko ngoku sisele singamabobosi,nesango likroboke lavuthuluka.

13 Kuya kuba njalo ke ehlabathini jikelele;nantso ke into eya kwenzeka ezizweni zonke:koba ngathi lixesha lokubethwa komnquma,ngathi sisidiliya esivunwe sakhwahlazwa.

14 Abo basindileyo baya kutsholoza bantyiloze;entshona baya kuduma bakhahlelengenxa yobungangamsha bukaNdikhoyo;bothi: “Bayethe!”

15 Nina basempuma, yitshoni ngendumasi;nani baselunxwemeni, dombozani nibonge uNdikhoyo;ewe, mdumiseni uThixo kaSirayeli.

16 Ingoma yezibongo ivakala eziphelweni zehlabathi:“Hayi, ubungangamsha baLowo ulilungisa!”Athi ke mna – kuxa bendiyintoni na kakade!Ewe, kunyembelekile, akukho yam kwaphela!Abangcothozi bona benza ngokungcothoza;ngokungcatsha kwabo abangcatshi bayangcotsha.

17 Yeha ke nina, bemi bahlabathi,anikho kukunkwantya imigibe nenzonzobila!

18 Nobenevuso wasaba kuba esoyika;woth' esabaleka eyele enzonzobileni.Omnye wogwencel' aphum' emhadini,suka ke arhintyelwe zizabatha.Kaloku amazul' ayivulele imvula,zatsho zangcangcazela iziseko zehlabathi.

19 Ngenene ke ihlabathi lona livikivekile;ewe, nangoku ke liqhaqhambile,linyikime lachachamba laboko-boko.

20 Ihlabathi ke logxadazela njengenxila;lophephuka okwephempe mhla ngomoyakazi.Ihlabathi liyasindeka zizono zalo;losuka lithi folokohlo kube sisiphelo eso.

21 Ngaloo mhlandini ke uNdikhoyo uya kohlwaya,athi ekwiinginginya zasemazulwini ezulwini phezulu,abe ekwizikumkani zezizwe ehlabathini phantsi.

22 Zoba lugxudululu kunye ndawonyenjengamabhantinti kwamnyama-ndawo esiseleni,wona anyathelana phakath' entolongweni,de kube ziintsuku zamkele isohlwayo.

23 Nyangandini ke yona yombatsha igqubuthele,nelanga life ziintloni litsho lizile,kuba uNdikhoyo uSomandla-onke elawula,ethe zava kwintaba iZiyon eJerusalem,ubuqaqawuli bakhe buthe tha kumadod' amakhulu.