Uisaya 63 XHO96

Impindezelo nosindiso lukaNdikhoyo

1 Ngubani na lo uthi gqi kwaEdom?Ngubani na lo uthi nyalulu ngaseBhozera,lo uvathileyo, utsho ngezimfusa,lo unyalasa ngesidima nondiliseko?“Ndim kanye mna ndisindisa ngegunya;ndiyavakalisa ndibhengeza uloyiso.”

2 Kutheni zibomvu nje iimpahla zakho,le nto ngathi zezabaxovula iidiliya?

3 *UNdikhoyo ke yena uthi:“Izizwe mna ndizixovule njengeediliya,kungekho namnye weza kundincedisa;ndazixangxatha ngeenyawo ndinomsindo,latsaza igazi lazo, landitsho ndankone.

4 Umhla wokuziphindezela wandifikela,yaye ixesha lokukhulula abantu bam lithwasile.

5 Ndaba ngathalaza, akwabikho undisizayo;ndamangaliseka kwakungabikho uxhasayo.Ngoko ke ndazizuzela uloyiso ngokwam;ewe, ndaxhaswa yingqumbo yam.

6 Emsindweni ke mna ndazinyhasha izizwe;ewe, mna ndazitsho zagxadazela,igazi lazo ndaligalela emhlabeni.”

Umthandazo nombulelo

7 Ndiya kuthetha ngezibele *zikaNdikhoyo;ndiya kumncoma ndimbonge ngemisebenzi yakhe,ngenxa yeentsikelelo zakhe kuSirayeli,nangenxa yenceba amthululele yona –ezingako zona izibele zothando lwakhe.

8 Ewe, uNdikhoyo suka wathi:“Bona ngabantu bam ncakasana;lusapho lwam, soze bandiqhathe.”Ngoko ke suka yena wabahlangula.

9 Embandezelweni yabo akachasananga nabo,basindiswa bubukho besithunywa sakhe.Ngenxa yothando novelwano yena wabakhulula;ewe, yena wabaphakamisa wabalondoloza,wahamba nabo ngayo yonke loo mihla yamandulo.

10 Phi ke, basuka bamvukela nje!Ewe, bangcungcuthekisa uMoya wakhe oyiNgcwele.Suka ke yena waba lutshaba lwabo,waza ke walwa nabo ngokwakhe.

11 Bada ke bona bayikhumbula imihla yamandulo;leyo ke yimihla kaMosis nabantu bakhe.Bakhalaza ke ngoko bathi:“Uphi ke ngoku lowo wabawezayo elwandle,ekhokela umhlambi nomalusi wawo?Yaz'ba uphi na ke ngoku uNdikhoyo,yena wabambesa ngoMoya wakhe oyiNgcwele?

12 Ngobungangamsha bakhe wamomeleza wamxhasa uMosis,wawahlula-hlula amanzi phambi kwabo,waza wazenzela igama elingasoze litshitshe.

13 Yena wabakhokela bacanda inzonzobila,baqhathula njengehashe entlango,babetha kuhle, abaze bakhubeke.

14 Baba njengeenkomo eziya kwisithabazi samadlelo,wenjenjalo uMoya kaNdikhoyo ukubaphumza.Wabakhokela ngaloo ndlela ke abantu bakho,ndlela leyo ke yakwenzela igama.”

Ukuzibika

15 Usezulwini apho, *Ndikhoyo, khawuthob' amehlo;khawukrwaqule ukwelo khaya lesidima nobungcwele.Kodwa-kodwa ngani ukuba ungakhweleti?Khona ke aphi amandla akho?Iphi ke imfobe novelwano lwakho?Hayi kaloku, nceda sukusifulathela!

16 Kaloku wena unguTata wethu,nakuba singaziwa nje nguAbraham;ukanti noSirayeli akasihoyi.Kambe ke wena, Ndikhoyo, unguBawo;wena waba nguMkhululi wethu kwamandulo.

17 Usiyekelani kodwa, siphambuke endleleni yakho, Ndikhoyo?Ngani ukuba usiyeke sinkanize kangaka,side siphelelwe ziintloni nakukukoyika?Buyela kuthi, thina zicaka zakho;sincede, thina zizwe zililifa lakho.

18 Indlu yakho eyodwa yaba yeyabantu bakho umzuzwana,suka ke zona iintshaba zayidobonga zayidiliza.

19 Ngoku thina sesifana nâbo bangaziwayo nguwe,abo ungazange wabalawula;ewe, sesifana nabangazange babizwe ngawe.