Uisaya 53 XHO96

1 Ke abantu bophendula bathi:“Ngubani ongékholiwe ludaba esiluvileyo?Ngubani ongéwuqondile umnwe kaNdikhoyo?

2 Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo,suke asabi namfaneleko nabunganga,saba ngasijonga asabi namtsalane.

3 Abantu basidelile basibukula,saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.

4 “Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.Ngenene thina besiba ubandezelekile,sisithi uyabethwa nguThixo.

5 Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

6 Sonke salahleka njengeegusha,elowo wabhadula ngeyakhe indlela;ke yena uNdikhoyo wamwisela ngobugwenxa bethu sonke.

7 “Ewe, yena waphathwa gadalala,kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu.Waba njengexhwane eliya kuxhelwa,wathi cwaka njengegusha ichetywa;ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.

8 Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo.Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto?Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo;wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.

9 Engcwabeni walala nezikhohlakali,ngokunjalo nesityebi ekufeni kwakhe,nakuba wayengenzanga lugonyamelo,engazange waba ngokhohlisayo.”

10 Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe,khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono.Ngoko ke wobona nezizukulwana;uya kukhula ade akhokhobe;ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.

11 Ngenxa yembandezelo yakhewobuya axhamle ulonwabo.Uthi uNdikhoyo:“Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayoabaninzi bofumana ubulungisa.Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.

12 Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho,abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha.Kaloku waziqongqothela ekufeni,wada wabalwa nabakreqi.Kaloku usithwele isono sabaninzi,wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”