Uisaya 31 XHO96

Thembelani kuNdikhoyo

1 Kunyembelekile kwabo babhenela kuncedo lweJiputa;nditsho abo bathembela kumahashe,abo bakholosa ngeenqwelo eziyinyambalala,nabaqamele ngobukroti bamajoni,nditsho amajoni amahashe,abantu abangamjongele nto uYedwa kaSirayeli,nditsho abangasifuniyo isiluleko *sikaNdikhoyo.

2 Ukanti yena sisilumko, angasivulela nesithwakumbe;ewe, elakhe ilizwi alidliwa nja!Koko wosuka ayivukele indlu yezikhohlakali,abohlwaye abancedisana nabenzi bobubi.

3 La maJiputandin' asiThixo, koko ngabantu,namahashe awo asimhlola, koko zizilwanyana.UNdikhoyo wothi angaphakama ibe ziziqwenga,ke yena umncedisi atsho akhubeke,aze ke yena umncedwa awe bhaxa,bonke bavuthuluke batshabalale.

4 UNdikhoyo uthethe nam wenjenje:“Abelusi bangafanelana beqobisa ngemikhwazo,kodwa ngunotshe ukuba bayothuse ingonyama,ingakumbi xa seyilibambile ixhoba layo.Ngokunjalo nam ke akukho bani unokundinqandaekuyikhuseleni kwam intaba iZiyon,mna Ndikhoyo uSomandla.

5 Njengentaka ikhusela amathole ayo,nam, mna Ndikhoyo onguSomandla-onke,ndiya kwenjenjalo ukuyihlanganisela iJerusalem.Ewe, ndoyikhusela ndiyikhulule;ndogqitha kuyo ndiyisindise.”

6 UNdikhoyo uthethe wathi: “MaSirayeli, nonile ngokundifulathela. Ngoko ke ngoku buyani!

7 Kaloku iyeza imini apho nonke niya kulilahla eli zothe liyile mifanekiso niyiqingqe ngesiliva nangegolide.

8 “UAsiriya ke yena wofela emfazweni.Phofu ke akayi koselwa krele lamntu:kovela krele limbi, lisuke limngxwelerhe.Kweso sithuba ke wosuka aswantsule,abafana bakhe ke bona benziwe amakhoboka.

9 Injengele yakhe yosuka ingenwe bubuphaku-phaku,nezinxiba-mxhaka zosuka zirhwaqele zoyike,zide zibaleke zilahle kanye nayo nembasa yomkhosi.”Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo,Ndikhoyo lowo omlilo uvuthayo eZiyon,omsi wamadini utsho ngomlembelele eJerusalem!