1 Ke kaloku abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye, bathi: “Sinako ukuzixhasa ngokutya nempahla yokunxiba; kambe ke into esiyicelayo kukuba sibizwe ngegama lakho, ukuze siphume ehlazweni.”
2 Ngelo xesha ke ihlumelo eliveliswe *nguNdikhoyo liya kukhula ligabadele libe lihle gqitha. Ke imveliso yomhlaba iya kuba ligugu nebhongo kuloo maSirayeli asindileyo.
3 Elo qaqobana labantu abachongwe nguThixo basala eJerusalem bokwaziwa ngokuba ngabantu bakaThixo ncakasana.
4 Kaloku iNkosi iya kukuhlambulula ukungcola kwabafazi baseZiyon, iligutyule negazi eliphalele eJerusalem, nto leyo iya kuyenza ngoMoya wayo ogwebayo, uMoya wayo ovuthayo.
5 Intaba iZiyon nabo bonke abakuyo uNdikhoyo uya kubagubungela ngelifu alidalileyo elirhuqayo emini, aze ngokuhlwa abakhanyisele ngedangatye eliqaqambileyo. Ewe, uThixo isixeko eso uya kusisitha asikhusele ngobungangamsha bakhe.
6 Ngenene isixeko esi siya kuba semthunzini ngexa lasemini, sibe yinqaba sikhuseleke ezimvuleni nakwiinkqwithela.