Uisaya 10 XHO96

1 Yeha ke, nina niqulunqa imithetho yobutshijolo,nina baqingqa imithetho yokucinezela abantu,

2 ukuze amahlwempu angafumani malungelo,nokuze abacinezelwa bona bangalungiselelwa.Nisuka nibaxhaphaze abahlolokazi,iinkedama zona zibe ngamaxhoba enu.

3 Yaz'ba nothini na mhla yajika imeko,mhla kwathi gqi isithwakumbe kwelikude!Ngaba ke nobalekela kubani, bethu?Ubutyebi bona ke nobufihla phi?

4 Ewe, koba kungasekho ndlela-mbiningaphandle kokuzinyakathisa phakathi kwabathinjwa,okanye nirhuqwe ndawonye nabaginwa.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

Ukusetyenziswa kweAsiriya

5 *UNdikhoyo uthe:“Hayi ke, yena uAsiriya!Uyinduku endohlwaya ngayo.

6 Ndibathumela ngaye abangakhathalele Thixo;ndibabetha ngaye abandicaphukisayo,ukuze abathimbe, axhaphaze amaxhoba,abaxovule njengodaka endleleni.

7 Kambe ke yena uAsiriya akakhw' apho;kuthe kanti yena unanjongo yimbi.Suka yena wazimisela ukutshabalalisa;izizwe yena ufun' ukuzicim' igama.

8 Kaloku uAsiriya uyaqhayisa, uthi:‘Iingqwayi-ngqwayi zam zikwangookumkani!

9 OoKaleno nooKarkemishe bona ndabageqa;iiHamati neeArpadi ndazisukelisa;kooSamariya nooDamasko ndathi ginyi-qobo!

10 Izikumkani ezinqula imifanekiso ndazoyisa –mifanekiso leyo yayiyinyambalala,ingaphezu kweyeJerusalem neSamariya.

11 Ndayitshabalalisa iSamariya,ndenjenjalo nakwimifanekiso yayo.Ndisaya kwenjenjalo ke naseJerusalemkwakunye naloo mifanekiso yayo.’ ”

12 Kambe ke yona iNkosi ithi: “Ndakuwufeza umsebenzi wam kwintaba iZiyon eJerusalem, ndiya kubuya ngayo ikumkani yaseAsiriya, ndiyohlwaye. Kaloku iyadelela, futhi xa iqhayisayo

13 ithi:“ ‘Lo ngumsebenzi wamandla am!Obu bubunkunkqela nengqiqo yam!Ndiyidedisile imida yezizwe,ndaza ndazenzela kwindyebo yazo;njengengangamsha ndizikhiqile izikumkani.

14 Ubutyebi bazo suka bafana namaqand' entaka,ndaza ke mna ndathatha ndathaphulula nje!Njengomntu oxhaphaza amaqanda asisisulu,ndenjenjalo ukuziqokelela izizwe.Ndizenzela nje kungaqhwaqhwazi nephiko eli,kungekho nantaka ekhe yakrotsha!’ ”

15 Lingazenza bhetele na izembe kunomgawuli,khona isarha kunomsarhi?Asiyonduku ephakamisa umniniyo;kaloku iba ngumntu oyiphakamisayo.

16 Ngoko ke iNkosi uNdikhoyo uSomandla-onkeiya kuzifaka isibetho izigantshontsho,ilitshise ngomlilo elo qhayiya lazo.

17 UThixo olukhanyiso lukaSirayeli wosuka afike abe ngumlilo,uYedwa kaSirayeli abe lidangaty' elilenyayo,ngamini-nye abhubhise konke nje,nditsho nameva kunye nobobo.

18 Loo masimi achumayo naloo mahlathi ashinyeneyowosuka yena awabhuqe bhuqiyane,oku komkhuhlane usutywa kukufa.

19 Kuloo mahlathi kosala imingqandandana njeengábalwa lula nayimveku le.

Kobuya iqaqobana kuphela

20 Liyeza ixesha apho elo qaqobana lisindileyo lamaSirayeli lingayi kuba saqamela ngalowo ulenza ixhoba. Ngelo xesha amaSirayeli aya kukholosa ngokupheleleyo *ngoNdikhoyo uThixo onguYedwa kaSirayeli.

21 Amasalela endlu kaSirayeli aya kubuyela kwigorha elinguThixo wawo.

22 Nangona nje ngoku amaSirayeli ebonakala eyinyambalala enjengeenkozo zentlabathi eselunxwemeni lolwandle, kuphela yimbinana nje eya kusinda ibuye. Kaloku phezu kwawo kulenga-lenga intshabalalo – ibe ifanele ke phofu.

23 UMhlekazi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke uzimisele ukuwacim' igama ehlabathi ngokomlomo wakhe.

Ama-Asiriya aza kohlwaywa

24 Ngoko ke itsho iNkosi *uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Hayi nina, lusapho lwam lumi eZiyon, ze ningabi nadyudyu ngama-Asiriya la, noba angade aniphakele ingcinezelo enjengaleya nayifumana kumaJiputa.

25 Kaloku kukancinane nje uphele umsindo wam ngakuni, ndandule ke ukuwavuthulula ndiwatshabalalise.

26 Mna Ndikhoyo onamandla onke ndiya kuwathwaxa kwangalaa ndlela ndawabetha ngayo amaMidiyan kwiliwa laseOrebhe. Isohlwayo sam kuma-Asiriya yoba kwaseso ndawabetha ngaso namaJiputa.

27 Ngaloo mini luya kuxibilika uxanduva olusemagxeni enu, le dyokhwe niyinikwe ngama-Asiriya itsho ivikiveke, kuba kaloku nikhule nada nomelela.”

Izwe lifile!

28 Izwe lifile, ziyanqoza eAyi;ewe, nâlo lugqitha ngeMigron,kanti imiphako luyishiye eMikmas.

29 Kubi, nantso iqabel' enkalweni,ngobusuku yanqumama eGebha phaya.Abemi baseRama batsho bankwantya,iGibheya yakuloSawule ke yona nantso igil' izicithi isaba!

30 Yitsho ngentsholo, wena Galim;ke wena, Layisha, phulaphula;uphendule ke nawe, Anatoti.

31 Kaloku abemi baseMadema bayasaba;bona abaseGebhim bayazisindisa.

32 Namhlanje nâlo luphuml' eNobhi;ewe, nalo lutyityimbis' umnwe,lukhomba intaba iZiyon eJerusalem.

33 UMhlekazi *uNdikhoyo onamandla onkewosuka ke abathi fohlo-fohlongathi ucwaba amasebe omthi.Izikhulu ndawonye nezikhakhamelanazo zovikivwa ziwe bhaxa.

34 Uya kuzigeca ngezembe uSomandla,abe ngathi utshitshisa ihlathi,loo mihalambela yemithi yaseLebhanon.