Uisaya 8 XHO96

Unyana kaIsaya ngumqondiso

1 *UNdikhoyo wathetha nam wathi: “Thatha ithwathwa elikhulu lokubhala, ubhale cacileyo uthi: ‘Phangamaxhoba.’

2 Ngokunjalo ke thatha amadoda amabini athembekileyo, umbingeleli u-Uriya noZakariya unyana kaYebherekiya, abe ngamangqina am.”

3 Emva koko ke inkosikazi yam yakhawula, yaza yazala unyana. UNdikhoyo ke wathi igama lakhe malibe nguPhangamaxhoba.

4 Waqhuba wathi: “Kothi loo nkwenkwe ingekakwazi nokuthi: ‘Mama,’ okanye: ‘Tata,’ bube bonke ubutyebi baseDamasko, ngokunjalo namaxhoba aseSamariya, selethathwe ngukumkani waseAsiriya.”

Ukuza kokumkani waseAsiriya

5 Uphindile *uNdikhoyo wathetha nam,

6 wathi: “Ngenxa yokuba aba bantu bewamangele amanzi ankcenkceza eShilowa, futhi bemvuyelela ukumkani uRezin nokumkani uPeka,

7 mna ndiza kubazisela irhuluneli yaseAsiriya kunye nemikhosi yayo, imhlasele uJuda. Ukugaleleka kwayo iya kuba ngathi kukuzalisa nokutyekeza komlambo omkhulu iEfrati.

8 Ukungena kwawo kwelakwaJuda lo mkhosi uya kukhukulisa okomlambo ozeleyo. Wosuka uyinabise imisinga yawo, ngayo ulintywilisele eli lizwe jikelele. Tarhu, Imanuweli!

9 “Ke nina zintlanga, hlaban' umkhosi ninkwantye!Nina zizwe, bekan' indlebe niphulaphule!Qulani niligangathe – kodwa ke – rhorho!Xhobani nif' amacala – niza kuthi shuu!

10 Noba ningade nicebisane, yoba lilize elo;ningathwesana nje kodwa soze niphumelele,kuba kaloku uThixo unathi.”

UIsaya uyacetyiswa

11 *UNdikhoyo wandibamba ngesandla, wandilumkisa ukuze ndingazilandeli iindlela zaba bantu, wathi:

12 “Izinto abathi liyelenqe wena sukuvuma ukuba ziliyelenqe, ungazixhaleli nezinto abazoyikayo bona.

13 Kaloku nguNdikhoyo uSomandla-onke ongcwele, ngoko ke nguye omawumhlonele umthobele.

14 Yena uya kuba ngumqolomba wakho. Kambe ke kuzo zombini izindlu zikaSirayeli uya kuba lilitye elibakhubekisayo, ulwalwa olutyibilikisayo, nakwiJerusalem ngokwayo abe ngumgibe obambisayo.

15 Baninzi ke abaya kukhubeka; ewe, baya kukhahleleka phantsi bacumke; ndithi baya kurhintyeleka emgibeni.”

Isilumkiso ngabafileyo

16 Nina ke, mahlakani am, lwaluseni nilugcine udaba nomthetho kaThixo.

17 Ke mna ndiya kukholosa *ngoNdikhoyo, lo uyifulatheleyo indlu kaYakobi; ewe, mna ndokholosa ndithembele ngaye ngokupheleleyo.

18 Ndim lo kunye nabantwana andinike bona uNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke, obhotwe lakhe likwintaba iZiyon, thina usenze sangumqondiso nomzekelo kumaSirayeli.

19 Xa benicebisa besithi yiyani kwabavumisayo, abaneshologu, nabanoonomathotholo, kutheni ukuba ningababuzi nithi: “Ngani ukuba abantu bangabuzisi kuThixo wabo? Ngani ukuba abantu babuzise kwizinyanya, bathetha-thethane nabafileyo ngenxa yâbo baphilayo?”

20 Into efunekayo kukuthobela umthetho nemfundiso kaNdikhoyo. Xa bengayenzi ke loo nto abanakamva.

Isithwakumbe

21 Ke kaloku abantu baya kubhadula ezweni, bexhwalekile, belamba. Bekwelo phango ke bosuka babe lugcala-gcala, bakhangele esibhakabhakeni, bamshwabulele ukumkani wabo ngokunjalo noThixo wabo.

22 Boba ngakhangela bangaboni nto yimbi ehlabathini ngaphandle kwenkxwaleko nomnyam' ombonde-mbonde ongaphephekiyo.