1 Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi waseAsiriya yagunyaziswa nguSargon ukumkani wakhona, yaza yahlasela isixeko samaFilistiya iAshdode, yasithimba.
2 Ngelo xesha *uNdikhoyo wayalela uIsaya unyana ka-Amozi, wathi: “Zikhulule iimpahla ozinxibileyo zokuzila, ndawonye neembadada zakho.” Ngokwenene ke wawuthobela loo myalelo, waza wahamba ze.
3 Waza ke uNdikhoyo wathi: “Kakade isicaka sam uIsaya besisoloko sijikeleza sizé, singenazo nambadada, yonke le minyaka mithathu. Lowo ke ngumqondiso wento eya kwehlela iJiputa neKushe.
4 Ukumkani waseAsiriya uya kubanxula bezé abathinjwa ababambe kwezo zizwe zozibini. Ewe, abadala nabanci baya kubhadaza ngeenyawo, bambethe ingubo yesele – nto leyo iya kuzisela iJiputa ishwangusha.
5 Abo bathembele ngeKushe nabo baqhayisa ngeJiputa baya kuphoxeka badideke.
6 Ngelo thuba ke abemi bommandla wonxweme lwaseFilistiya baya kuthi: ‘Niyayibona ke into eyehlele aba bantu besithembe ukukhuselwa ngabo kukumkani waseAsiriya! Kodwa kodwa siya kusinda njani?’ ”