Uisaya 6 XHO96

Ukubizwa kukaIsaya

1 Ngonyaka awasweleka ngawo ukumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli kwibhotwe layo eliphakamileyo nelizimasekileyo. Yayizithe wambu ngomnweba owawulurhululu lomwundu-wundu owalitsho lazala qhu elo pomakazi liyindlu yayo.

2 Yayiphahlwe *zizithunywa ezimaphiko ngamathandathu. Ngasinye-ngasinye kuzo, isibini samaphiko sasigqume ubuso, isibini sambathise iinyawo, ukanti ke ngala mabini aseleyo sasiphaphazela.

3 Zazikhwazana zixelelana zisithi:“Hay' isidima, ayisosidima, ayisosidima *kuNdikhoyo uSomandla-onke!Ubungangamsha bakhe bulizalisile ihlabathi jikelele!”

4 Ke kaloku eso sandi samazwi azo sazitsho zazama-zama iziseko zelo pomakazi; asisathethi ke ngomsi owawulapho, kuba wawubophe kulitsili nje!

5 Suka ke mna ndadanduluka ndathi: “Athi ke mna, mntu uludwayi! Kuxa bendingubani kakade ndingumfi nje! Kaloku nokuthetha kwam kuvuza ukona, ibe ke ndimi phakathi kwabantu abathi bakuthetha kurhuq' ukona. Kambe ke naxa kunjalo, uKumkani onguNdikhoyo uSomandla-onke ndimbone ngala wam amehlo!”

6 Sasuka ke esinye sezo zithunywa ezimaphiko saphaphazela seza kum, siphethe ilahle elivuthayo, esasilithathe ngesibambo phaya kwiqonga leziqhumiso.

7 Safika sandirheca ngalo apha emlonyeni, saza ke sathi: “Uyabona ke, likurhecile nje ngoku eli lahle, buphelisiwe ubutyala kuwe, zaye ke nezono zakho zicanyagushelwe.”

8 INkosi ke yadanduluka yathi: “Yaz'ba ndiya kuthuma bani na? Ngubani ongaba sisigidimi sethu?”Ke mna ndiphendule ndathi: “Thuma mna; ndiyaya!”

9 Ke yona yathi: “Yiya kwaba bantu, uthi kubo:“ ‘Niya kuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;niya kujonga nijonge, kodwa ningaboni nto!’

10 Iqhube yenjenje:‘Yenze gqathu-gqathu ingqiqo yaba bantu;iindlebe zabo uzivale zivingceke tu,namehlo abo ke uwavale mba,hleze babone ngamehlo abo,okanye beve ngeendlebe zabo,mhlawumbi baqiqe ngeengqondo zabo,nto leyo ke iya kubenza basuke beze kum banyangeke.’ ”

11 Ndibuzile ke mna ndathi:“Koda kube nini na kunje, Mhlekazi?”Ke yena undiphendule wenjenje:“Izixeko zoda zibe ngamabhodlo;ewe, koda kukhal' ibhungane,imizi ingahlalwa bani mpela,nomhlaba ubhuqeke ube yinkangala.

12 Ewe, xa bebonke ndiya kubafudusa,kulo mhlaba kusale kukwanti-zitshile.

13 Noba kungakho mngqandanda usalayo,nawo ngokwawo uya kutshitshiswa kuthi tu!Kambe ke uya kufana nomterebhinte nom-oki,mithi leyo ivelisa ihlumelo yakugawulwa.Kananjalo ke isiphunzi sohlanga siya kuba nalo ihlumelo.”