Uisaya 19 XHO96

Ukohlwaywa kweJiputa

1 Nalu udaba olundilisekileyo olumalunga neJiputa:Nank' *uNdikhoyo esiza eJiputa;uza etshebeleza ngelifukazi.*Oothixo abanqulwa apho batsho bankwantya,namaJiputa ngokwawo atsho anengevane.

2 UNdikhoyo ke uthethe wathi:“Ndiza kuxhokonxa umJiputa avukele umJiputa;elowo nalowo uza kuvukelana nomntakwabo,ummelwane avukelane nommelwane.Ngokunjalo isixeko sovukelana nesixeko;ewe, uburhulumente bovukelana noburhulumente.

3 AmaJiputa aza kudideka atyhafe;amacebo awo osuka aphunze.Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo;osuka abhenele kwabo bafileyo;obhenela kwabaneshologu nabambululayo.

4 AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.

5 Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,amanzi awo aphele kuthi tu!

6 Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.

7 Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.

8 Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;amaqhogi abalobi aya kubuya ze.

9 Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.

10 Ewe, kuya kuba nzima kubenzi belaphu,ibe lusizi lodwa kubaqeshwa.

11 Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala;loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa!Ngani ukuba ade athi kukumkani:“Thina siziingcaphephe zeengqondi,amahlakani ezikumkani zamandulo”?

12 Phendula, kumkanindini waseJiputa:Aphi loo maphakathi akho aziingqondi?Ngani ke ukuba angakucebisiakuxelele oko kuza kuhlela iJiputa?Nditsho isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.

13 Hayi bo! Amaphakathi aseZowan ziziyatha,iinkokheli zaseMemfisi zididekile;amathenjwa aseJiputa ngabalahlekisi.

14 UNdikhoyo ubayekele ngomoya wolahlekiso.Kungokunje iJiputa iyaphithizela,ityibilika emhlanzweni njengenxila.

15 Kulo lonke ke elaseJiputa,kwizityebi ngokunjalo nakumahlwempu,abo baziwayo nabangazelwe nto,akukho namnye ungalivezayo icebo.

IJiputa iya kunqula uNdikhoyo

16 Ngaloo mihla ke amaJiputa aya kuba ngamatyutyusi amagwala. Aya kuphakuzela oyike akuqonda ukuba isandla *sikaNdikhoyo uSomandla-onke sijinga phezu kwawo.

17 AmaJiputa aya kurhwaqeliswa nakukukhankanywa oku kukaJuda; kuwo kosuka kuthi qatha isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.

18 Ngelo xesha ke kwisihlanu sezixeko zaseJiputa kobe kuthethwa ulwimi lwabemi baseKanana. Futhi xa bathethayo baya kufunga uNdikhoyo uSomandla-onke. Esinye sezixeko zakhona kothiwa sisiXeko seNtshabalalo.

19 Ngelo thuba ke eJiputa kuya kubakho iqonga likaNdikhoyo, kananjalo kubekho nentsika yelitye enikezelwe kuye phaya emdeni weJiputa.

20 Ezo zinto ke ziya kuba yimiqondiso yobukho bukaNdikhoyo uSomandla-onke apho eJiputa. Bothi ke abantu bakhona, xa bephantsi kwengcinezelo baze bakhale kuNdikhoyo, yena abathumele umhlanguli nomkhuseli wokubasindisa.

21 UNdikhoyo uya kuzityhila kumaJiputa, atsho amazi. Aya kumnqula ngamadini atshiswayo nangawokutya. Amadinga amenzele wona aya kuwafezekisa.

22 UNdikhoyo uya kuwohlwaya ngezibetho amaJiputa, kambe ke wobuya aphozise. Aya kuthi akubhenela kuye amaJiputa, uNdikhoyo asabele awanyange.

23 Ke kaloku kuya kubakho uhola wendlela esuka eJiputa iye kungena eAsiriya. Aye ke ama-Asiriya namaJiputa aya kuhambelana, futhi anqule kunye.

24 Ke ngelo thuba yena uSirayeli uya kuba kumgangatho omnye neJiputa neAsiriya, zizozithathu ezi zizwe zibe yintsikelelo ehlabathini.

25 Kaloku uNdikhoyo uSomandla-onke uya kuzithamsanqela, athi:“Nithamsanqelekile, bantu bam maJiputa!Nani msebenzi wezandla zam, ma-Asiriya, ndiyanithamsanqela!Nditsho nakuni, lifa lam elingamaSirayeli,ndithi nisikelelekile!”