Uisaya 58 XHO96

Ukuzila

1 *UNdikhoyo uthi:“Danduluka ubhomboloze ungathandabuzi;khwaza umemeze njengexilongo.Thetha uzikhombe izikreqo zabantu bam;indlu kaYakobi yibonise izono zayo.

2 Kaloku bona bafunana nam mihla le,ngathi bayazithanda iindlela zam.Sebengathi basisizwe esindithobelayo,ngathi babambelele kwizimiso zoThixo wabo.Bathi mandibanik' umtheth' onguwongokwabantw' abalangazelel' uThixo wabo.”

3 Ungabeva bekhalaza besithi:“Siba ngazila awusikhathaleli!Kudala sizibhuqa-bhuqa ngentobeko,kodwa wena ngathi awusiboni.”Kanti ke yena uNdikhoyo uthi:“Ewe, ngenene ninayo imihla yokuzila,kodwa ikwayimihla yokuzenzela unothanda –ngayo nisuka nixhaphaze abasebenzi.

4 Ngomhla wokuzila iba sisiphithi-phithi semfazwe;nisuka nibethane ninqindane ngolunya.Namhlanje ke olo zilo lwenu lilize;ilizwi lenu alinakuviwa phezulu.

5 Kakade, nithi olu lolu zilo lufunwa ndim,usuku nje lokuba umntu aziqobe,ufike nithe tyek' iintloko ngathi yingcongolo,nide nilal' eluthuthwini ngamasaka?Ningathi kukuzila ke eso simanga?Ingandikholisa njani ke into enjalo?

6 “Naku okona kuzila ndikufunayo:Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,bakhululwe bonke abacinezelwa,niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

7 Kananjalo yabelanani nabo abalambileyo,amahlwempu eembacu niwafake ezindlwini.Abo badlakazelayo baphen' impahla;yekani ukusuka nifulathele amawenu.

8 Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu;nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza.Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela,ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.

9 Nothi ke nakuzibika, asabele uNdikhoyo;nothi nakukhala, athi: ‘Ndim lo!’“Ukuba nithe nahlukana nengcinezelo,nayeka ukutyityimbisela abanye umnwe,nahlukana nokuyila nokuthetha inkohlakalo –

10 ewe, xa nithe nababela abalambileyo,ukuba nithe nabathuthuzela abaxhwalekileyo,notsho nibe zizibane ezigxotha ubumnyama,ngenene yotsho ibe mhloph' indlela yenu.

11 UNdikhoyo ke wonikhokela njalo-njalo,anibonelele naxa senisenkqantosini.Uya kunomeleza nihlale niphile qete!Nodlamka njengomyezo onkcenkceshelwayo;nofana nomthombo ompompoz' ungaz' utshe!

12 Abanye benu baya kuwakha amabhodlo akudala;iziseko zamandulo ziya kuvuswa.Kothiwa ningabakhi beendonga eziwileyo,abavusi bezitalato ukuze kumiwe kuzo.”

Umvuzo wokuhlonela uMhla wokuPhumla

13 *UNdikhoyo ke uthi:“Ukuba nithe ke nawuhlonela *uMhla wokuPhumla,nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,xa nithe nawulangazelela lo mhla,ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,

14 uNdikhoyo ke uya kunonwabisa,animise nasezintabeni,nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.”Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.