Uisaya 62 XHO96

Igama elitsha leZiyon

1 Ngenxa yeZiyon andinakuthi cwaka,ngenxa yeJerusalem andinakuthi tu,bude ubulungisa bayo butshisele njengomsobomvu,lude usindiso lwayo lukhanye njengesibane.

2 Izizwe zobubona ubulungisa bakhe,nabo bonke ookumkani baluqonde udumo lwakho.Ewe, uya kufumana igama elitshaoya kulinikwa *nguNdikhoyo ngokwakhe.

3 KuNdikhoyo uya kuba sesingayiwayo isithsaba;kuThixo wakho uya kuba yindwe yezinxiba-mxhaka.

4 Akusayi kuthiwa ungumshiywa,umhlaba wakho kuthiwe yinkangala.Kaloku kuya kuthiwa unguKholisile,umhlaba wakho kuthiwe nguManyiwe.Kaloku uNdikhoyo wanelisekile nguwe;wozimanya neli lizwe ngokomyeni.

5 Kwanjengokuba umfana ethatha intombinoonyana bakho baya kukuthatha;njengokuba umyeni engaziva ngomtshakazinoThixo wakho akayi kuziva ngawe.

6 Wena Jerusalem, ndokujikeleza ngabalindi;imini nobusuku bayo bona soze bathi cwaka.Nina ke, balindi,nina nimkhumbuzayo uNdikhoyo ngezithembiso zakhe,ze ningaphumli,

7 noNdikhoyo ngokwakhe ningamphumzi,ade yena ayimisele iJerusalemibe sisixeko esidunyiswa lihlabathi jikelele.

8 UNdikhoyo ke yena wenze isifungo;ngamandla akhe uya kusifezekisa:“Ingqolowa yakho ayiyi kuphinda ibe sisisulu seentshaba zakho,iintlanga azisayi kuyisela iwayini yakho,yona leyo ubulaleke wedwa ngayo,

9 kodwa abo bayihlwayeleyo boyivuna –baya kuyitya badumise uNdikhoyo ngayo;ewe, abo bayiqokelelayo idiliyabosela iwayini enkundleni yendlu kaThixo.”

10 Nina maJerusalem, phumani esixekweni,niye kuhlahlela abantu indlela;gqalan' amatye nivule, nitsho ngohola,nimise imbasa, nezizwe zitsho ziqonde.

11 UNdikhoyo ke wenze isihlokomiso kwihlabathi jikelele:“Yithi kwintombi enguZiyon:‘Uyambona, nanko esiza uMsindisi wakho!Nanko ekuphathel' umvuzo;uza egushe imbuyekezo.’ ”

12 Bantu abo kothiwa ngabakhethekileyo,uhlanga olukhululwe nguNdikhoyo;iJerusalem ke kuthiwe nguThandiwe,isixeko esingashiywanga sikhal' ibhungane.