Uisaya 45 XHO96

Ukumiselwa kukaKoreshi

1 Wenjenje *uNdikhoyo ukuthethanomthanjiswa wakhe uKoreshi,Kwiincwadi zesiNgesi kuthiwa nguSirasiamthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele,khon' ukuze avuthulule ookumkani,avulelwe zonke iingcango,angathintelwa ngamasango esixeko:

2 “Ndim ngokwam oya kukutshayelela;iinduli neentaba ndosuka ndizilebele,amasango enziwe ngobhedu ndiwakroboze,nemivalo yentsimbi ndiyivuthulule.

3 Ndokunika ubutyebi obunqatyisiweyo;ewe, obugcinwe kwiindawo ezifihlakeleyo.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo kaSirayeli;ngenene ndim okubize ngegama.

4 Ngenxa yesicaka sam uYakobi,nditsho uSirayeli endimnyulileyo,ndikubize ngegama,ndakuthi jize ngesihomo nesithozela,nangona wena ungandazi nje.

5 “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.Ndiya kukuxhobisa utsho uqinenangona wena ungandazi.

6 Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke,bazi emhlabeni wonke jikelele,baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo,bazi ukuba akukho Thixo wumbi.

7 Ndikudalile ukukhanya,kanti ke nobumnyama;ivela kum impumelelo,ngokunjalo neshwangusha;ndim mna Ndikhoyo ozenzayo ezi zinto.

8 Ndokuthobela ulungelelwano lune njengemvula,ke wona umhlaba uya kulwamkelakutsho kuthi qhakra inkululeko nobulungisa.Ndim mna Ndikhoyo unobangela wezi zinto.”

NguNdikhoyo kuphela iNkosi

9 Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?

10 Umntwana angamkhalazela na uyise nonina,athi: “Nindizalele ntoni?”

11 *UNdikhoyo, uThixo oYedwa kaSirayeli,umdali wakhe, uthi:“Ningathini na ukundithethisa ngekamva,nindinkqangise ngabantwana bam,nide nindixelele ngemfanelo yam?

12 Ndim owalenzayo ihlabathi;ndim owadala uluntu kulo;ngezam izandla ndawatwabulula amazulu;ndiyayilawula inyambalala yawo.

13 Ngobulungisa bam ndim oxhokonxe uKoreshi;ndoyityeneneza indlela ayihambayo.Isixeko sam iJerusalem wobuya asivuse;uza kubakhulula abantu bam abathinjiweyo.Loo nto woyenza ngaphandle kwembuyekezo;kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla-onke.”

14 KuSirayeli utsho uNdikhoyo ukuthi:“Ubutyebi beJiputa neKushe bobákhó,iingxilimbela zaseSebha ngamakhoboka akho.Zona ziza kulandela zikhonxiwe;zokhahlela kuwe zivuma zisithi:‘Nini kuphela abanoThixo;akukho wumbi.’ ”

15 Thixo kaSirayeli, uyabahlangula abantu bakho;wena unguThixo ofihlakeleyo.

16 Abaqingqi *bemifanekiso basehlazweni;ngenene ke bona bonyoshoza bephoxekile.

17 Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo;olwakhe usindiso lohlala luhleli;yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.

18 UNdikhoyo nguye umdali wamazulu;ngenene nguye oyena-yena Thixo.Ihlabathi eli labunjwa nguye;walenza waza walizinzisa.Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo;walenzela ukuze limiwe luluntu.Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo;akukho Thixo wumbi.

19 Ewe, mna andithethanga ekusitheleni,nenjongo yam andizange ndiyifihle.Mna andiyixhamlanga indlu kaYakobi,ndingatshongo nokuba mayindifune enkqantosini.NdinguNdikhoyo; mna ndiyayithetha inyaniso,mna ndiyakuvakalisa oko kuqinisekileyo.

20 “Qokelelanani, nonke zizwe;nditsho nina, mingqandanda esindileyo.Yizani kaloku nizokuxoxa,bantundini bazizityhakala ezingazi nto,nina batyethe imifanekiso yomthi,nina banqula *oothixo abangento yanto.

21 Yizani kuxoxa enkundleni;mabathetha-thethane abamangalelwa.Ngubani owayixela kwamandulo le nto?Ngubani owayivakalisa ingekenzeki?Asindim na Ndikhoyo?NdinguThixo osindisayo, olilungisa;ngaphandle kwam akukho Thixo.

22 “Khangelani kum nisindiswe,nina zizwe zehlabathi liphela.Kaloku ndim uThixo, akukho wumbi.

23 Ngenene ndiyafunga,yaye esam isifungo sinyanisekile;ewe, sona soze siguquke:Zonk' iintlanga zokhahlela kum,zifunge ukuba zondithobela.

24 Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ”Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.

25 Kodwa ngenxa kaNdikhoyo yonk' inzala kaSirayeli yogwetyelwaize imdumise.