Uisaya 51 XHO96

Intuthuzelo eJerusalem

1 *UNdikhoyo uthi:“Phulaphulani, nina banxanel' ubulungisa,nina babongozana noNdikhoyo.Khangelani kwiliwa enathwetyulwa kulo,kuloo mqhokro navunjululwa kuwo.

2 Khanicinge ngoAbraham inyange,nangoSara yena ungumawokhulu.Ndambiza eyedwa kuphela,ndaza ndamsikelela waba sisizwe.

3 Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon,akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo.Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo,nentlango ibe njengomyezo waseIdeni,khona kulawule uvuyo nemincili,ibe yintsholo yengoma yokudumisa.

4 “Ndiphulaphuleni ke, bantu bam,nibek' iindlebe, sizwe sam.Mna ndowisa umthetho;ulawulo lwam lukhanyisele izizwe.

5 Ngokukhawuleza ndiza kuhlengahlengisa;usindiso lwam lusendleleni;izizwe zolawulwa ndim ngenkqu.Kaloku nezikude zindilindele;nazo zikholose ngamandla am.

6 Khanijonge amazulu phezulu,nijonge umhlaba phantsi.Amazulu othi pheselele njengomsi,umhlaba uguge njengengubo,abantu bafe njengeempukane.Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli;ubulungisa bam soze buthini.

7 “Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa,luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni.Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo,ningazidubi nangabo banithukayo.

8 Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.Ubulungisa bam bona boma bumi;usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”

9 Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule!Xhoba ngamandla akho usihlangule;makube njengemihla yamandulo.Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele;nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.

10 Nguwe owalomisayo nolwandle;nguwe owavula indlela enzonzobileni,baza badlula abakhululwa bakho.

11 Abo bahlawulelweyo nguNdikhoyobaya kungena eJerusalem bechulumacha,bengqungqa bememelela ngemihlali,bathiwe jize ngovuyo ngonaphakade,bonwabe babe nemincili,bangaze babuye bazane neenzingo neenkxwaleko.

12 UNdikhoyo utsho ukuthi:“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;ngani ke ukuba woyike umntu –into evuthuluka njengengca?

13 Kanti umlibele na uNdikhoyo uMenzi wakho,yena wawatwabululayo amazulu,yena walisekayo ihlabathi?Ngani ukuba uhlale ngedyudyu,usoyika ingqumbo yomcinezeli?Lowo uzungula ukukutshabalalisasoze abe nako ukukuchukumisa.

14 Abo babanjiweyo sebeza kukhululwa;abayi kufa, koko bodla ubomi obude,bangalambi, koko baxhamle intlutha.

15 Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho;mna ndiyalushukumisa nolwandle,amaza alo atsho agragrame.Igama lam nguNdikhoyo uSomandla-onke.

16 Mna ndawatwabulula amazulu,ndazaneka iziseko zehlabathi.KwiZiyon ke ndithi:‘Ke wena ungowam;imfundiso yam ndikunikile,futhi ke ndiyakukhusela.’ ”

Isiphelo sentlupheko yeJerusalem

17 Vuka! Vuka, Jerusalem!Phaphama ude uphakame!Kaloku usizekile isohlwayo akuphathele sona *uNdikhoyo;usiqongqoloze sada sakunxilisa.

18 Ngoku ke akakho okukhokelayo –namnye kubantu bakho –engekho nakoonyana obazeleyo;tu umntu wokukurhuqa.

19 Kuwe ilishwa lishwabene ngokuphindiweyo:umhlaba wakho uvukuzeliswe yimfazwe;abantu bakho bamemethwa yindlala.Ngubani ke onokukuthuthuzela?

20 Oonyana bakho zizigede eziyobayo;bathe tywaa ezitalatweni phaya.Sebefana nenxala emgibeni.Batyakatywa yingqumbo kaNdikhoyo;umsindo woThixo wakho uphezu kwabo.

21 Yiva, Jerusalem ebandezelekileyo,wena ugxadazela ungaselanga.

22 Utsho uMhlekazi uNdikhoyo,nditsho uThixo wakho lo ukuthethelelayo:“Ngoku ndiyayisusa kuwe le ndebe,ingqumbo le ndakuseza yona,le isuke yakugxadazelisa;ngoku sobe ube sayixhamla.

23 Ndoyinika abakuphakele ingcinezelo,abo bakwenze umgaqo wokuhamba,abo bakuxangxathe ngeenyawo,abo bakuxovule njengomhlaba.”