Uisaya 50 XHO96

Ukuthinjwa kungenxa yezono

1 *UNdikhoyo uthethe wathi:“Ùthi abantu bam ndabagxothaokomfo esahlukana nomfazi wakhe?Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano?Ngaba ndanithengisa kubaninjengomfo othengisa ngekhoboka lakhe?Hayi kaloku, nathengiswa ngenxa yezono zenu;nagxothwa wena nonyoko ngenxa yamatyala enu.

2 Ndakufika akubangakho bani undamkelayo;ndaba ngamemeza akwasabela mntu.Ngaba imfutshane na ingalo yam?Ngaba andinako na ukukukhulula?Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise?Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle,imilambo itsho ibharhe,iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi;yeka ke elo phunga!

3 Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,amazulu anxibe ezokuzila.”

Intobeko yesicaka sikaNdikhoyo

4 UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphulenjengalowo ufundiswayo.

5 UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;nam ke zange ndivukelane naye,ngenene zange ndirhoxe kuye.

6 Ndazinikezela kwabo bandibethayo,kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.

7 Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;ngoko ke andiyi kuhlazeka.Ndikulungele ukunyamezela;ewe, andisayi kudana.

8 UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;yena wosuka andigwebele.Ngubani ke ongade andimangalele?Makeze kaloku, siye enkundleni;makachaze izityholo andibeka zona.

9 Mna ndithethelelwa nguMhlekazi uNdikhoyo.Ngubani ke onako ukundigweba?Abandimangalelayo boguga njengengubo;nabo baya kumemethwa ngamanundu.

10 Ngoobani na abamnqula ngentlonelo uNdikhoyo,abasiphulaphulayo isicaka sakhe?Ofikelwa bubumnyama, ekude nokukhanya,makathembele ngoNdikhoyo;ewe, makakholose ngoThixo wakhe.

11 Nina baphembi bamayelenqe,isikhuni sobuya nomkhwezeli.NguNdikhoyo oya kuyenza loo nto,ke wena ufe ungcungcuthekile.