1 Kunyembelekile ke kwilizwe lesandi samaphikoemazants' emilambo eKushe.
2 Likhuph' izigidimi ngezikhitshana ezakhiwe ngeengcongolo, zidad' emlanjeni.Tsheluzani, zigidim' ezikhawulezayo;luthathen' udaba nigoduke nalo,luye kwilizwe eliphanjwe yimilambo,kwisizwe esingwanzilili esinamandla,amafaf' alusu lumpuluswa,izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.
3 Bekan' iindlebe, bemi behlabathi!Jongani, nikhangel' imbasailenga-lenga phezu kweencopho zeentaba;phulaphulan' isandi sesigodlo.
4 Kalok' *uNdikhoy' undixelele wathi:“Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge;ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini,ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku,cwaka ngathi lilanga ligqats' ubhobhoyi.”
5 Iidiliya ziya kudubula zifeze,kodwa zithi ke zona zingekavunwa –ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni –lusuke luthi vumbululu utshaba,luwahlabanisele luwageqe amaKushe,lula nje, ngathi kunqunyulw' amaseb' omdiliya.
6 Izidumbu ke zosala zithe gangalala,zibe zizisulu zeentaka namaxhalanga.Ewe, ziya kuba lixhoba lamarhamncwa,iintaka zizenzele ehlotyeni –asisathethi ke ngamarhamncwa ebusika.
7 Ixesha liyeza apho uNdikhoyo uSomandla-onkeaya kunikwa aphiwe imirhumongabo balizwe liphanjwe yimilambo,iingwanyalala zesizwe esimandla,amafaf' alusu lumpuluswa,izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.Ewe, baya kuza kwintaba iZiyon,apho anqulwa khona uNdikhoyo uSomandla-onke.