Uisaya 32 XHO96

Ukumkani ofezekileyo

1 Woze afike ukumkani olawula ngolungelelwano,izinxiba-mxhaka zitsho ziphathe ngemfezeko.

2 Zonke ngazinye zoba ngumqolomba mhla ligquthayo,zibe yinqaba yokuzimela mhla ngoqhwithela.Zofana nemijelo yamanzi kwelibharhileyo,zibe lithunzi lamawa kwilizwe eliyinkangala.

3 Zona ziya kuba namehlo,ziqonde iingxaki zoluntu.Ziya kuba neendlebe,zikuphulaphule ukuzibika kwabantu.

4 Yoqonda nengqiqo yezityhuthu-tyhuthu,nabathintithayo bathethe ngokucacileyo.

5 Isiyatha akusayi kuthiwa ngohloniphekileyo;neqhophololo akusayi kuthiwa ngonyanisekileyo.

6 Kaloku isiyatha sitheth' ubuyatha,nengqiqo yaso iqulunqa ubugwenxa.Sizixakekise ngenkohliso;*uNdikhoyo sihlala simcukuceza ngengcikivo.Simshiya enjalo umntu othezwa liphango,singamkhathalele nganto nokhotheke lunxano.

7 Umntu oyindlavini nezenzo zakhe zinenkohlakalo;uba soloko efutha ukwenza ububi,ezama ukubhubhisa amahlwempu ngenkohliso,khon' ukuze awavimbe amalungelo awo.

8 Ke yena onesidima uneengcingane ezizimasekileyo,nemisebenzi yakhe ingqinelana nento ayiyo.

Amaxesha entswelo nawendyebo

9 Phakamani nindiphulaphule ke nani,nditsho nina, zimazi zingaxhalele nto;bekan' iindlebe nive xa ndithethayo,nina zintombi ezingáthi zikhuselekile.

10 Ningade nibe ngathi nanelisekile ngoku,kodwa kozayo unyaka nongcungcutheka,kuba idiliya yona yosuka iphunze,singabikho tu isivuno seziqhamo.

11 Xhalabani, zimazi ezihlala zingaxhalele nto;hlahlambani, zintombi ezingenaluvalo;khululani, nithi gatya ezenzila.

12 Yho-o-o amasimi! Kwakhe kwanje phi na?Awu! Sashiya senzeka ngeediliya!

13 Gixani ngenxa yomhlaba wabantu bam,kuba namhla sowugqunywe ngameva nobobo.Hlahlambani ngenxa yamakhaya avuyayo;ewe, silileleni isixeko esixokozelayo.

14 Kaloku nekomkhulu lokhal' ibhungane,nakwisixeko esinyakazelayo kuthi bhe!Kwandlunkulu koba ngamabhodlo kanaphakade;koba lapho adloba-dloba khona amaqwarha,kube lapho itya khona imihlambi,

15 ade uThixo asithululele uMoya wakhe,nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi.

16 Nasentlango kuya kuphuphuma ulungelelwano,nemiyezo echumayo yambathiswe bubulungisa.

17 Ke ubulungisa bozala inzolo,ize ke ibe lulungelelwano nocwangco njalo-njalo.

18 Ke abantu bam bothi zava bahlale ngenzolokwimizi ekhuselekileyo nephahlwe luxolo.

19 Nokuba amahlathi ebhululwe sisichotho,nesixeko sivuthuluke kwathi pam,

20 yoba luvuyo kuye wonk' ubani,ingengomanzi ingesosivuno, kuyinto nje,amadlelo enabe ethe tshitshilili,iidonki neenkomo zidakasa zikhuselekile.