Uisaya 56 XHO96

UThixo ngoweentlanga zonke

1 *UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Yenzani okusemthethweni noko kulungileyo.Kaloku usindiso lwam lukufuphi,nobulungisa bam buza kutyhileka.

2 Unoyolo ke umntu owenjenjalo,nditsho umntu oyibambisisayo,lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla,umntu ongawudeliyo awuxabhele,nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”

3 Intlanga ezibandakanya noNdikhoyo mayingathi:“Inene uNdikhoyo wondikhetha kubantu bakhe.”Nendoda elithenwa mayingakhalazi ithi:“Mna ndinjengomthi ongenahlumela.”

4 Kumathenwa uNdikhoyo uthi:“Ukuba niyawuhlonela *uMhla wokuPhumla,ukuba nizimisele ukwenza izinto ezindikholisayo,niwugcine ngokupheleleyo umnqophiso wam,

5 ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,elingaphezu kokuba noonyana neentombi,nditsho igama elingasoze litshitshe.

6 Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,umntu ongawudeliyo awuxabhele,owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –

7 abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,bonwabe endlwini yam yokuthandaza.Amadini abo atshiswayo kunye neminikeloaya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.”

8 Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:“Ndisaza kuqokelela nabanyengaphandle kwâbo sendibaqokelele.”

Iinkokheli ziyagxekwa

9 Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.

10 Kaloku iinkokheli zabo aziboni,zizonke nje zititsekilenqwa nezinja ezimumekileyo,nditsho izinja ezingakhonkothiyo,ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,ezilangazelela ubuthongo kuphela.

11 Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;zonke zenza ngokuzithandela;ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.

12 Ungaziva zisithi:“Yizani sihambe siye etywaleni;masibutye sibuphathe ngeembambo.Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”