Uisaya 38 XHO96

Ukugula kukaHezekiya

1 Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”

2 Ke uHezekiya wasuka wafulathela, wajonga eludongeni, wathandaza kuNdikhoyo, wathi:

3 “Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.

4 UNdikhoyo wayalela uIsaya ngelithi:

5 “Xelela uHezekiya uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho.

6 Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela.’ ”

7 UIsaya uqhube wathi: “Nanku umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe:

8 umthunzi welanga uza kuwuhlehlisa iinyawo ezilishumi, ubuye umva kulaa ndawo ukuyo kwisitupu sika-Ahazi.”Ngenene ke umthunzi welanga wahlehla iinyawo ezilishumi.

Umbongo kaHezekiya

9 Ke kaloku akuphila uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wenza lo mbongo:

10 “Phantse ndathi kanye xa ndiyindodakwafuneka ndindwendwele kwelabafileyo,phofu ndingazukuphinda ndibuxhamle ubomi.

11 Besendisithi soze ndibe sambona apha *uNdikhoyo;besendimncamile kweli lizwe labaphilayo.Bendisithi ndahlukene noluntu mpela,kwanokuhamba-hamba kweli gada lomhlaba.

12 Besendifana nephempe labelusi,ndisithi ubomi bam bunqanyulwe.Njengelaphu lomsonti nam phantse ndasongwa;imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.

13 Bendizibamba ngeenkophe kude kuse;suka yena wandigramza njengengonyama.Imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.

14 Ilizwi lam belinkwiniza ngokwenkonjane,ndiphatha kubhonga njengehobe.Amehlo ade aluzizi ndijonge phezulu.Khawulamle, Mhlekazi, ndafa!

15 “Yaz'ba ndingathetha ndithini na kodwa?Kuba lo ngumlomo wakho;ewe, oku kukwenza kwakho.Maxa onke ndohlala ndidakumbilengenxa yokudandatheka komoya wam.

16 Ewe, Mhlekazi, kuphilwa ngolu hlobo;nomoya wam ngoku wanelisekile.Ndinyange nditsho ndibe ngumqaba-qaba,ngoko ke ndiphilele wena.

17 Ubukrakra bube lusizo kum;undihlangule kubo bonke ububi,waza ke wazixolela nezono zam.

18 Akukho bani ukudumisayo engcwabeni;nokufa akumemeleli kukubonge.Abafileyo abakholosanga nganto;abakunanzanga nokunyaniseka kwakho.

19 Kanti ke abaphilayo ngabo abakudumisayo,njengokuba nam ndisenjenjalo namhlanje;ooyise bona bagqithisela kubantwana,bebaxelela ngokunyaniseka kwakho.

20 Ewe, Ndikhoyo, undiphilisile.Ngoku ke songqungqa simemelele,sintyiloze sitsho ngezentambula;siya kukudumisa endlwini yakhongayo yonke imihla yobomi bethu.”

21 Kaloku uIsaya wayeyalele wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane, ukuze liphole, aphile umhlekazi.”

22 UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba ndophinda ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo?”