Uisaya 46 XHO96

Izithixo zeBhabheli

1 “Namhlanje uBhele uthotyiwe; uNebho uwe bhaxa!*Oothixo ebenikade nijikeleza nabonamhlanje batyabula imiqolo yezilwanyana.Ngenene baluxanduva lomthwalo.

2 Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka.Akukho kusinda kuzo;zithinjwa kunye nomthwalo wazo.

3 “I-i-i-nzwi ke wena, ndlu kaYakobi!Ndiphulaphuleni nina masalela endlu kaSirayeli,nina endanixhasa kwasekukhawulweni kwenu,ndaza ndanisingatha kwasekuzalweni kwenu.

4 Noda niguge nibe ziingwevumna ndisengulowo unixhasayo.Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;ewe, ndonigcina ndinihlangule.

5 “Kodwa-kodwa ndolinganiswa nabani?Ngubani na onjengam endinokufaniswa naye?

6 Abantu bakhupha igolide engxoweni,isiliva bayilinganisa esikalini,basuke baqeshe ingcibi, ibenzele uthixo;kamva ke basuka bee guqaqa bamnqule.

7 Bambeka emagxeni, bamtyathe;bambeke endaweni yakhe, eme bhuxe.Kaloku yena lutiniko olungashukumiyo.Udl' imu noba umntu uyazibika kuye;akakwazi kuhlangula mntu ezingxakini.

8 “Khumbulani le nto nizikise;khaniyiguqu-guqule, nina bavukeli.

9 Khanikhumbule iziganeko zamandulo,nivume ukuba mna ndinguThixo;ewe, akukho thixo ufana nam.

10 Isiphelo ndasixela kwasekuqaleni;kwamandulo ndazivakalisa izinto ezizayo.Ndatsho ukuba icebo lam soze liwe,koko ndokufezekisa oko ndikumisileyo.

11 Mna ndibize umfo empumalanga;sisitshu esiya kurhiwula njengokhetshe.Yena woyifezekisa yonke injongo yam;njengoko ndithethile kuya kuba njalo kanye.

12 Phulaphulani, bantundini baneenkani,nina banxaxhileyo elusindisweni.

13 Umhla wosindiso wona ndiyawusondeza;ngenene awukude kuya phi.Ukusindisa kwam akuyi kulibazisa;ewe, ndiza kuyihlangula iZiyon,uSirayeli ndimzisele isidima nesithozela.”