Uisaya 42 XHO96

Isicaka sikaNdikhoyo

1 *UNdikhoyo uThixo uthethe wathi:“Nasi isicaka sam endisixhasayo.Yena ngumnyulwa wam ondikholisayo;ndimthe jize ngoMoya wam,izizwe zonk' uziphakel' ubulungisa.

2 Yena akakhwazi amemeze;hayi, akadanduluki ezitalatweni.

3 Ingcongolo ecekethekileyo soze ayaphule,nesibane esilozisayo soze asicime,koko uphak' ubulungisa ngokunyaniseka.

4 Yena ke soze atyhafe adangale,de aphak' ubulungisa ehlabathini;nezizw' ezikude zilindel' umthetho wakhe.”

5 Nalu udaba lukaThixo uNdikhoyo,umdali owatwabulula amazulu;nguye owalaneka ihlabathi nako konk' okwalo;abemi balo wabaphakel' ubomi,abantu balo wabanik' ukuphefumla:

6 “Mna Ndikhoyo ndikubizile;ewe, ndingothembekileyo.Kaloku ndosoloko ndinawe,ndikulondoloze,ndikwenze umnqophiso nabantu bam,ube kukukhanya ezizweni.

7 Wena uza kuvula amehlo eemfama;nguwe oza kukhulula amabanjwa;nguwe oza kuvula intolongo emnyama.

8 “Mna *ndinguNdikhoyo – igama lam ncakasana.Ubungangamsha bam andinikisi ngabo;udumo lwam aluzuzwa *yimifanekiso enqulwayo.

9 Zinto endazixelayo zenzekile,futhi nezintsha ngoku ndiyazibhengeza;ewe, ndizixela zingekathungululi.”

Ingoma yokudumisa uNdikhoyo

10 Ntyilozani niculele *uNdikhoyo ingoma entsha.Malimdumise limbonge ihlabathi jikelele;nditsho nani nonke abahamba phezu kolwandle.Mazingathi cwaka nezilwanyana zolwandle;nezikud' izizwe mazibonge zibongisele.

11 Mayidumise nentlango nezixeko zayo;nabaseKedare mabadumise uThixo;nabaseSela mabamemelele ngemincili;ewe, mabamemeze naphezu kweentaba.

12 Nabo bemi kwizizwe ezikudemabamdumise uNdikhoyo.

13 UNdikhoyo yena ufunza njengegorha;yena selequle wada waligangatha.Nankw' esitsho ngentlaba-mkhosi,nto leyo idiza ukutshatshela kwakhe.

UThixo uthembisa ngoncedo

14 *UNdikhoyo uthethe wathi:“Kaloku sekumzuzu ndithe cwaka;suka ndadl' imu ndazibamba.Ngoku ke okomfazi osikwa yinimbandozibhija-bhija ndide ndibhonge.

15 Iinduli neentaba ndosuka ndizibhulule,okwakuyingca nemithi ndikomise.Imilambo ndoyibharhisa yome khonkqo,imigxobhozo nezadunge zitshe khothe.

16 Iimfama ndozihambisa ngeendlela ezingazaziyo;ewe, ndozikhokela ngomendo ongaqhelekanga.Kubo ubumnyama ndobujika bube kukukhanya;iingxondorha zojika zibe ngamathafa.Ezo zinto ndiya kuzenza;futhi ke soze ndizityeshele konke.

17 Ke bona abakholosa *ngemifanekiso,abo bayinqulayo besithi: ‘*Ningoothixo bethu,’ngenene baya kuphoxeka bahlazeke.”

Ubumfama nokungeva kukaSirayeli

18 *UNdikhoyo uthethe wathi:“Khaniphulaphule ke, nani zithulu;khangelani nibone, nani zimfama.

19 Kakade ngubani oyimfama kunesicaka sam?Sithulu saphi esidlula isigidimi sam?Ngubani oyimfama okwalowo ungowam;nditsho oyimfama njengesicaka sikaNdikhoyo?

20 Ewe, ubonile kambe, Sirayeli;nto nje ayikuncedanga nto loo nto;uvile kambe nangeendlebe zakho,kodwa suka awaphulaphula.”

21 UNdikhoyo othembekileyo yena ulangazelel' ukunceda;imfundiso yakhe uyayiqaqambisa.

22 Kambe ke aba bantu zizisulu zokuxhatshazwa;sebatshixelwa kwamnyama-ndawo,bade baya kufihlwa ezintolongweni.Ziindwayi ezingamaxhob' ukuxhatshazwa;ziintw' ezingenabani wakuzihlangula.Akakho othi: “Godukani ngoku.”

23 Yaz'ba ngubani na ozimiseleyo ukuphulaphulaukuze aqonde kwixa elizayo?

24 Nguban' ophise ngoYakobi kubaphangi,onikele ngoSirayeli kubaxhaphazi?IkwanguNdikhoyo lo sikreqe kuye,sisuke asahamba ngendlela yakhe,suka asaphulaphula simthobele.

25 Suka ke wavulela umsindo wakhe,ukuze thina sidad' emfazweni.Utsho ngomsind' odangazelayo,koko uSirayeli tu ukuqonda;suka wavaleka mpela-mpela,akahoya nokuhoya.