Uisaya 48 XHO96

Ikamva lilawulwa nguThixo

1 *UNdikhoyo uthi:“Khanibek' iindlebe,ndlu kaYakobi;nditsho nina babizwa ngoSirayeli,nina bomnombo kaJuda,nina bafunga igama likaNdikhoyo,nina bathi banqula uThixo kaSirayeli,kodwa ngenene nisitsho nje ngomlomo!

2 Kanti kwanina niyazidla,niqhayisa ngokuthi nina ningabemi besixeko sikaNdikhoyo;nithi nina nixhomekeke kuThixo kaSirayeli,ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

3 “Kudala-dala ndatsho kwangonoquku;ewe, ndazixela izinto eziza kuhla,kamva ke ndatsho suka zenzeka njengoko.

4 Kambe ke wena bendisazi ukuba uneenkani nqwa nesele,ntondini eqinis' intamo,lityendini lenyengane!

5 Kungoko ndazibhengeza kwakudala ezi zinto,izehlo ndazixela ngaphambi kokuba zenzeke,khon' ukuze wena ungabi nako ukuthi leyo yimisebenzi *yezithixo ozinqulayo.

6 Konke endakuxelayo kwenzekile.Vuma kaloku!Kanti ke ngoku ndiza kuxela into entsha,imfihlakalo eningazange nayazi.

7 Ewe, ndiyidala ngoku;into enje zange yenzeke ngaphambili.Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.

8 Zange uve uqonde nakuqonda,kuba ubungenako kakade.Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga;ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.

9 Ngenxa yegama lam ndibuya nganeno ngomsindo;ngenxa yodumo lwam ndiyazithibazaukuze ndingakutshabalalisi.

10 Andinivavanyanga eziko okwesiliva,kodwa ndinivavanye ngehambo-nzima.

11 Kungenxa yam ukuba ndenjenje;soze ndiliyekele ngehlazo igama lam,kungekho bani wosizuza neso sihomo.Andinikisi ngaso; sesam ndodwa.”

UKoreshi umiswe nguNdikhoyo

12 *UNdikhoyo uthi:“Bek' iindlebe uphulaphule, Yakobi,nditsho wena, Sirayeli endakubizayo.Mna ndinguNdikhoyo: ndingowokuqala,ndikwangowokugqibela.

13 Ndim owamisa iziseko zehlabathi;ndim lo owawatwabululayo amazulu.Ndithetha ngelizwi, zisuke zibekho.

14 Qokelelanani niphulaphule xa ninonke.Kakade sisiphi *isithixo esinokuvakalisa into enjengale?Ndinyule oza kuhlasela iBhabheli.Yena uza kwenza oko kufunwa ndim.

15 Kaloku ndim ngokwam endathethayo,ndim endambizayo, ndamthi jize ngempumelelo.

16 Khawusondele ke uphulaphule.Kwasekuqaleni ndathetha ngokuphandle,futhi nokufezeka kwazo kokwam.”Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo undithumile,wandixhobisa ngoMoya wakhe.

Injongo kaNdikhoyo ngabantu bakhe

17 Utsho ke *uNdikhoyo,uMkhululi wakho,uYedwa kaSirayeli:“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;ndikufaka endleleni ekufaneleyo.

18 Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,budlobe okwamaza ubulungisa bakho.

19 Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa,lingaze linqanyulwe igama lakho,kananjalo lingaze litshabalale.”

20 Phuman' eBhabheli; washiyeni amaKaledi!Bhengezani ngemihlali;ewe, memezani nazis' abantu bonke, nithi:“UNdikhoyo usihlangule isicaka sakhe uYakobi.”

21 Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyoabantu bakhe zange bafe lunxano;wabakhuphela amanzi eliweni,suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!

22 Ewe, uNdikhoyo uthi:“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”