1 “Yithini cwaka niphulaphule, ziqith' ezikude;lungelani ukuxoxa, nina zizwe.Sondelani nizithethelele;yizani ke sihlangane, sinik' isigwebo.
2 “Ngubani lo uqhway' iqhaji empumalanga,lo ulinik' indwe konke nje jikelele?Nguban' olenza loyis' izizwe nezikumkani,omkhonto wakh' uzenza zifane nothuli?Iintolo zakhe zibatsho bathi saa,basarhake okomququ emoyeni.
3 Libasukelisa libaleqe lula nje.Asimendu! Ntaka yakwabani!
4 Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?Mna *Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.”
5 Iziqith' ezikude nazo zibonile;ewe, iziphelo zomhlaba zitsho zarhwaqela zangcangcazela.Nâzo ziqokelelana zisiza.
6 Ziyancedana esinye nesinye;ewe, zikhuthazana ngelithi: “Yomelelani!”
7 Umchweli ukhuthaza umnyibilikisi,nàlo ugudisa umfanekiso ukhuthaza lo uwudibanisayo.Uthi: “Hayi, ngunonca!”Batsho babethelele isikhonkwane, uqine nkqi umfanekiso.
8 “Ke wena, sicaka sam Sirayeli,nditsho wena, ndlu kaYakobi,wena uluhlanga endilunyulileyo,uyinzala yesihlobo sam uAbraham.
9 Ndakulanda eziphelweni zehlabathi,ndakubiza kwiindawo ezisekudeni,ndaza ndathi: ‘Usisicaka sam.’Andikubukulanga; ndakunyula.
10 Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.Ndiza kukomeleza ndikusize,amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
11 “Ke bona abo bakusunduzayo baya kuhlaziswa;ewe, abakulwayo soze babe nto.
12 Iintshaba zakho uya kuzifuna,kambe ke sobe uzifumane.Abalwa nawe bophel' emehlweni.
13 Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’
14 “Ewe, mna Ndikhoyo ndithi:‘Ubuthathak' unjalo, Yakobi,nimbalwa ninjalo, Sirayeli,kodwa sukoyika, ndiza kukusiza.Mna Yedwa, Thixo kaSirayeli,ndim okukhululayo.’
15 Ndokutsh' ube ngathi usisileyi sokubhulaesinangayiway' amazinyo amatsha.Wozicol' iintaba uzivuthulule,iinduli uzicole zibe luthuli.
16 Uya kuzijiwuza emoyeni,ke won' umoya uzitsho ziphephetheke;uqhwithelo lozithatha lumke nazo.Ke wena utsho wonwatyiswe nguNdikhoyo,undidumise mna Yedwa kaSirayeli.
17 “Abahlelelekileyo bam bofuna amanzi bancame;sebekhothekile bona lunxano.Ke mna Ndikhoyo ndosisabela isikhalo sabo –mna Thixo kaSirayeli soze ndibalahle.
18 Ndogqabhuz' imilambo emqwebedini,kutsho kumpompoz' imithomb' ezintilini,intlango ndiyijike ibe yimigxobhozo,umqwebedu utsho unkcenkcez' amanzi.
19 Entlango kokhul' imisedare,ibe ngumngampunzi, umnquma, nemetile.Elibharhileyo lokhula ipayini,isipresi, nomgalagala.
20 Boyibona abantu le nto baqonde,baqaphele bazi,bathi nguNdikhoyo lo uyenzileyo.Ewe ngenene, botsho baqonde ukuba oku kudalwe nguYedwa kaSirayeli.”
21 “Nina *zithixo zeentlanga, ethe ubungqina benu;” utsho *uNdikhoyo.Ewe, uKumkani kaSirayeli uthi: “Khaniyibeke apha ingxoxo yenu, sive.
22 Yizani kaloku, xelani izinto ezizayo;chazelan' inkundla iziganeko zamandulo;ewe, zichazeni nentsingiselo yazo.
23 Khanisixelele ngekamva kaloku;khona nathi sotsho sithi ningoothixo.Yenzani noba yentle okanye ebuhlungu;nathi sitsho sirhwaqele, soyike.
24 Okokwenu nina niyinkunkuma,nemisebenzi yenu yimfitshi-mfitshi.Bangamasikizi abo banichongayo.
25 “Ke mna ndixhokonxe umfo wasentla; uyeza –ondihloniphayo nanko evela empumalanga.Iziphathamandla uzixovula ngathi ludongwe,ngathi ngumbumbi exonxa udongwe.
26 Le nto ngubani oyazise kwantlandlolo kuni,owasilumkisayo ukuze siningqinele?Akukho namnye wakha wayixela,engekho nowakha wayithi thupha.
27 Ndim mna kuqala owayixelelayo iZiyon,ndathi: ‘Nâbo besiza.’Ndathumela isigidimi eJerusalem,umvakalisi weendaba ezimnandi.
28 Ndakuzikhangela ke izithixo ezozonke ndifika zisik' umlomo,kungekho nasinye sinako ukundiphendula.
29 Zonke ziyimfeketho nje.Hayi, azinakwenza nto mpela-mpela;ngamabhetye-bhetye nje emifanekiso.”