Uisaya 55 XHO96

Inceba kaThixo sisisa

1 *UNdikhoyo unimema esenjenje:“Yizani nonke nina ninxaniweyo;yizani xa ninonke, nanga amanzi.Yizani nonke, nabo bangenamali;thengani, naku ukutya nitye.Yizani nizenzele kwiwayini nobisi;xa iyonke loo nto sisimahla.

2 Sanukuchitha imali ngento engahluthisiyo.Ngani ukuba nibulaleke ninganeli noko?Ndiphulaphuleni nize nindithobele,khon' ukuze nixhamle ubuncwane obanelisayo.

3 Bekani indlebe, nize kum;phulaphulani, nixhamle ubomi.Ndonenzela umnqophiso waphakade,ndiniphathe ngezibele endazithembisa uDavide,

4 endammiselayo waba lingqina lam ezizweni,inkokheli nomlawuli ezintlangeni.

5 Ngoku niya kumema iintlanga eningazaziyo;izizwe ezinganaziyo ziya kunilangazelelangenxa kaNdikhoyo uThixo wenu.Lowo ke nguYedwa kaSirayeli.Kaloku yena unithe jize ngesihomo.”

6 Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;bhenelani kuye ngoku asekufutshane.

7 Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.Maliguquke, lize kuNdikhoyo;yena wosuka abe novelwano lilo.Malize kuThixo wethu,kuba yena uxolela kangangoko.

8 “Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,neendlela zenu azifani nezam,”utsho yena uNdikhoyo!

9 “Njengokuphakama kwezulu emhlabeniziphakamile neendlela zam kunezenu,kanti ke zikwanjalo neengcinga zam.

10 Ilizwi lam nqwa nekhephu nemvula:ziphuma esibhakabhakeni,kanti ke azigoduki ngaphandle kokumanzisa umhlaba,zikhulise izityalo,umlimi zimnike imbewu,olambileyo zimnike ukutya.

11 Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:alibuyi lilambatha,koko liyawufezekisa umnqweno wam,liliqaqambise icebo lam.

12 Nophuma nimemelela ngovuyo,nihambe ningumngcelele owonwabileyo.Iintaba neenduli phakathi kwenuzosuka zingqokole zitsho ngengoma,amahlathi nemithi atsho ngentswahla luvuyo.

13 Endaweni yomqaqoba kovela imipayini,kukhule imetlani endaweni yobobo.Loo nto ke yoba ludumo lukaNdikhoyo –umqondiso ongasoz' uthini!”