22 Kaloku wawukade ucwenge njengesiliva,kodwa ngoku sewuphuthile.Wawufana newayini eyondeleleneyo,kambe namhlanje sewungumngxengwa.
23 Iziphathamandla zakho zizibhoja,abafo abalala ngangubo-nye namatutu.Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo;abaziinkedama abanaxesha labo,kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.
24 Ngoko ke nanku umlomo *kaNdikhoyo –nditsho uNdikhoyo uSomandla-onke,iNgangalala kaSirayeli – uthi:“Ngoku ndiza kukhe ndiphuncule kwiintshaba zam;ewe kaloku, ndiza kuziphindezela.
25 Ngoku ndiza kuthatha amanyathelo aqatha:ndiza kunikhama ndinicwenge oku kwesinyithi;ndiza kubukhupha buphele tu ububi kuni.
26 Kaloku ndiya kunibuyisela abalawuli njengantlandlolo,ndinimisele izithwala-ndwe njengamandulo.Kuya kwandula ke kuthiwe ungunobulungisa,ngenene ube ngunontembeko.”
27 IJerusalem iya kuhlangulwa bubulungisa bukaThixo.Baya kusinda ke bonke abaguqukayo.
28 Kambe ke baya kutshabalalabonke abavukeli-mbuso nabanxaxhayo;ewe, uNdikhoyo uya kubabhubhisa bonke abakreqi.