17 Ndiza kubaxhokonxela amaMedi;wona akakhathalele nasiliva,engenaxesha layo negolide.
18 Okwakungabafana aya kubageqa ngeentolo;wona akanalusini nasezintsaneni;ewe, akavakalelwa nasebantwaneni.
19 IBhabheli yinzwakazi phakathi kwezikumkani,iligugu neqhayiya lamaKaledi,kodwa yobhukuqwa ifane neSodom neGomoramhla wazihlasela uThixo.
20 Yona soze iphinde imiwe mntu.Yoba zizizukulwana ingahlalwa mntu,kungekho nam-Arabhu womisa ntente kuyo;nabelusi soze babe salusela khona.
21 Iya kuba likhaya lamarhamncwa;badakase khona noodyakalashe;iya kusala ilikhaya lezihulu-hulu,nemigewu yeebhokhwe iqakathe khona.
22 Ezingxandeni yoba sisijwili samaxhwili,nodyakalashe atsho ngomkhulungwane kuloo mapomakazi.Ewe, ngoku ixesha layo lisemnyango,nemihla yayo isongekile.