1 Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi.
2 Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.
3 Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima,
4 niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:Yaz'ba utshitshe njani na lo mcinezeli!Ewe, akukho nkang' idubul' ingethi.