19 Kambe ke wena uyindingan' engenangcwaba;wena uyinto esidumbu sibukulwayo.Ngoku sewambethe ababuleweyo abagwazwe ngekrele,abaphoswe emhadini ongxondorha.Ngoku sewuyinto yokuxovulwa ngeenyawo;
20 owakh' umngcwabo soz' ufane nowabo.Kaloku wena wabatshabalalisa wababhuqa;wababopha ngentamb' enye nabakho abantu.Intw' ekhohlakele nesizukulwana sayonegama layo soze libe nto!
21 Iwu-u-u!Lungiselela kugqityezelwe nenzala yakhe!Ngenxa yenkohlakalo yooyise mabangasindi,hleze bahlume, uze umvundl' uzek' indlela,hlez' eli lizwe lizale zizixeko zabo!
22 UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,ndiyicim' igama tu,kungabikho hlumelo nanzala.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.
23 Ndakuyibetha itsho ibe yimigxobhozo, ibe likhaya lookhwalimanzi.Inene, ndiya kuyitshayela ngentshabalalo engathethekiyo!”
24 *UNdikhoyo uSomandla-onke ufunge wathi:“Konke endikucwangcisileyo kuza kwenzeka;ziza kufezeka zonke iinjongo zam.
25 Ndiza kuwavikiva ama-Asiriya kweli lizwe,ndiwanyhashe tu entabeni yam,idyokhwe yawo yahlukane nabantu bam,usuke umthwalo emagxeni abo.