10 Amasimi akezi namihlali nalonwabo;ezidiliyeni ayisekho ingoma nemiyeyezelo.Ezixovulelweni akusekho baxovuli;imiyiyizelo yabavuni iphelile.
11 Ngoko ke ndinesimbonono ngenxa yeMowabhi;ngenene ndihlahlamba njengesigingci,ngenxa yeKir-hareshete ndibindekile.
12 AmaMowabhi aziduba nje ngokunyuka intaba esiya kunqula; yonke loo nto yinkcitha-xesha.
13 Olu ludaba awaluthetha kwamandulo uNdikhoyo ngokubhekiselele kwiMowabhi.
14 Kambe ke ngoku uNdikhoyo uthi: “Kwiminyaka emithathu yokunyamezela ubutyebi beMowabhi buya kuphel' emehlweni. Obu bunewu-newu naloo nyambalala yabantu konke kuya kutshabha, naloo mingqandanda isindileyo yoba ngamabhetye-bhetye.”