5 Ngelo thuba ke kosekwa ubukumkani,bumiselwe ngothando olunezibele.Esihlalweni kongqendeva onyanisekileyo.Lowo ke woba ngowendlu kaDavide.Yena ke uya kulawula ngobulungisa,alangazelele ulungelelwano nocwangco.
6 Sivile ngokuzikhukumalisa kwamaMowabhi,elingako lona ikratshi nendelelo;ewe, angade abe ucikekile likratshi,kodwa ke, akulele nto apho.
7 Myeke ke uMowabhi abhomboloze.Mabamthelele uMowabhi nabo balile;mabenze isililo nesijwili xa bekhumbula amaqebengwane aseKir-hareshete.
8 Amasimi aseHeshbhon ayadodobala,nezidiliya zaseSibhema zitshabalele.Amakhosi ezizwe azixangxathile izidiliya zodidi,zona fudula zifikelela eYazere,zenjenjeya zithi xhaxhe ngentlango,amasebe azo ethe gaa ngolwandle.
9 Ngoko ke ndilila kunye neYazere;ndiyakhala ngezidiliya zaseSibhema;ndiyinyhididi, Heshbhon nawe Eliyali.Ewe kaloku, isivuno asibonwa,imivuyo nemincili iyalambatha.
10 Amasimi akezi namihlali nalonwabo;ezidiliyeni ayisekho ingoma nemiyeyezelo.Ezixovulelweni akusekho baxovuli;imiyiyizelo yabavuni iphelile.
11 Ngoko ke ndinesimbonono ngenxa yeMowabhi;ngenene ndihlahlamba njengesigingci,ngenxa yeKir-hareshete ndibindekile.