3 AmaJiputa aza kudideka atyhafe;amacebo awo osuka aphunze.Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo;osuka abhenele kwabo bafileyo;obhenela kwabaneshologu nabambululayo.
4 AmaJiputa ndowanikela aphathwe gadalala:oba sezandleni zorhulumente okhohlakeleyo;aya kulawulwa ngukumkani osisikhohlakali.”Utsho ke uNdikhoyo uSomandla-onke.
5 Umlambo iNayile uya kutsha khonkqo,amanzi awo aphele kuthi tu!
6 Asivumba eliya kubakho kwimijelo yawo!Iintlambo zeNayile zowutha zitshe;iingcongolo nemikhanzi ziya kutshaza.
7 Ngasemlanjeni apho utyani bosuka buyobe;namasimi apho kuloo ntilindini osuka atshaze, avuthuluke aphele.
8 Sovakala isikhalo nencwina yabalobi.Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini;amaqhogi abalobi aya kubuya ze.
9 Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.