9 Abasebenzisa umqhaphu baya kutyhafa,nabo basontayo bophelelwa ngamandla.
10 Ewe, kuya kuba nzima kubenzi belaphu,ibe lusizi lodwa kubaqeshwa.
11 Amaphakathi aseZowan wona zizityhakala;loo matshawe alumkileyo ayalahlekisa!Ngani ukuba ade athi kukumkani:“Thina siziingcaphephe zeengqondi,amahlakani ezikumkani zamandulo”?
12 Phendula, kumkanindini waseJiputa:Aphi loo maphakathi akho aziingqondi?Ngani ke ukuba angakucebisiakuxelele oko kuza kuhlela iJiputa?Nditsho isicwangciso sikaNdikhoyo uSomandla-onke.
13 Hayi bo! Amaphakathi aseZowan ziziyatha,iinkokheli zaseMemfisi zididekile;amathenjwa aseJiputa ngabalahlekisi.
14 UNdikhoyo ubayekele ngomoya wolahlekiso.Kungokunje iJiputa iyaphithizela,ityibilika emhlanzweni njengenxila.
15 Kulo lonke ke elaseJiputa,kwizityebi ngokunjalo nakumahlwempu,abo baziwayo nabangazelwe nto,akukho namnye ungalivezayo icebo.