3 Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
4 Nguye oya kugweba phakathi kwezizwe,abe ngumlamli phakathi kweentlanga ngeentlanga,wona amakrele azo ziwenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziyiqeqeshelwe imfazwe.
5 Ngoko ke, nzala kaYakobi,yizani sihambe ngokukhanya okuvela kuNdikhoyo!
6 Kambe ke wena, Thixo wethu,ubalahlile abantu bakho,nditsho indlu kaSirayeli!Kaloku bathene nca nezangoma –ezasempuma nezo zaseFilistiya –bayavumisa batsho ngehlombe bekunye neentlanga.
7 Nelizwe labo liphuphum' isiliva negolide;ubutyebi babo abunambaliso.Nomhlaba wabo uzele ngamahashe;yinyambalala iinqwelo zabo zemfazwe.
8 Awu! Asiyomifanekiso kwilizwe labo!Kaloku bakhahlela kwaizinto ezenziwe kwangabo;banqula umsebenzi wezandla zabo.
9 Ewe, uluntu luphuthile,ngenene abantu bahlazekile.Ngoko ke ungaze ubaxolele!