6 Kambe ke wena, Thixo wethu,ubalahlile abantu bakho,nditsho indlu kaSirayeli!Kaloku bathene nca nezangoma –ezasempuma nezo zaseFilistiya –bayavumisa batsho ngehlombe bekunye neentlanga.
7 Nelizwe labo liphuphum' isiliva negolide;ubutyebi babo abunambaliso.Nomhlaba wabo uzele ngamahashe;yinyambalala iinqwelo zabo zemfazwe.
8 Awu! Asiyomifanekiso kwilizwe labo!Kaloku bakhahlela kwaizinto ezenziwe kwangabo;banqula umsebenzi wezandla zabo.
9 Ewe, uluntu luphuthile,ngenene abantu bahlazekile.Ngoko ke ungaze ubaxolele!
10 Ke bona baya kuzifaka emaweni,bazimele baziqhusheke nasemhlabeni,kuba besoyika ingqumbo *kaNdikhoyo,bebaleka ukukhazimla kobungangamsha bakhe.
11 Ikratshi lomntu lihlalele ukuphuthiswa,nokukhukhumala kwakhe kuthotywe.Ngaloo mini ke nguNdikhoyo yedwa oya kubalasela.
12 Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uwumisile umhla wembubho;baya kuthi shuu abanekratshi nabaziphakamisayo,nditsho abaqwanyileyo nabaqhoshayo.