17 Ingade ibe ngathi usisikhulu, kodwa yena uNdikhoyo uya kusuka akuthi hlasi, akulahle kude.
18 Ewe, uya kukuthatha ube ngathi uyibhola, akutshukutshele kwilizwekazi elikhulu. Uya kufela ngakwezi nqwelo uzidla ngazo, ntondini ihlazisa umzi wenkosi yayo!
19 UNdikhoyo uza kukukhiqa kwesi sihlalo ukuso, utsho uwe bhaxa.”
20 INkosi yaqhuba yathi: “Kuya kuthi ke kwakuba kunjalo, ndibize isicaka sam uEliyakim unyana kaHilekiya.
21 Ndiya kuwunika yena umnweba osisivatho sakho, ndawonye nebhanti obhinqa ngayo, nawo onke amagunya onawo. Ke yena uya kuba nguyise kubantu baseJerusalem nabakwaJuda.
22 Yena ndiya kumnika lonke ulawulo kumzi kaDavide. Ngenene uya kuba ngunozitshixwana, abe yinqwayi-ngqwayi evula kungavali mntu, into evala kungabikho mntu unokuvula.
23 Ndiya kummisela ndimbethelele njengesikhonkwane esiqinileyo, abe ngumthombo wesidima kumawabo.