9 Ngelo thuba bonke baya kuthi:“Ngenene nguThixo wethu lo!Sakholosa ngaye wasihlangula.NguNdikhoyo lo!Ngenene sikholose ngaye,ngoko ke ngoku masonwabe,ngoku ke masibe nemihlali,kuba yena usihlangule.”
10 Amandla kaNdikhoyo obonakala kule ntaba.AmaMowabhi aya kuxovulwa ngeenyawooku komgquba ebuhlanti.
11 Okhweba ngezandla ngathi ayadada;kambe konke kungancedi nto –uThixo wosuka awathobe,lihle elo kratshi lawo.
12 Loo mapomakazi eenqaba,loo mihalambela yeendonga,uya kuwadiliza awe bhaxa!