14 Ngoku ke bafile, kuphelil' okwabo;ewe, bona soze babuye bavuke.Kaloku wena ubavelele ngentshabalalo;usuke wabaphosa kwelokulibala.
15 Usikhulisile isizwe sethu, Ndikhoyo,wayongeza okunene nemida yesizwe.Ngoko ke uzuze isihomo nesithozela.
16 Beza kuwe ekuxakekeni kwabo;uthe ke wakubohlwaya, Ndikhoyo,suka bakhala bazibika kuwe.
17 Ewe, usitsho sanga ngumfazi,nditsho ojutyalaziswa yinimbalakuba lifikile ixesha lakhe,nathi ke sitsho sajubalaza sapena-pena
18 phambi kwakho, Ndikhoyo.Suka saphithizela ngathi siyalunywa,phofu kuthe kanti yigalimoya.Kaloku asiluhambisanga usindiso;asibandisanga abantu emhlabeni.
19 Abangasekhoyo bakho, Ndikhoyo,bona bobuya bavuke;kuya kuvuka bona ngenkqu, badle ubomi –nditsho bonke abalinde emadlakeni,bothi khwaphululu batsholoze ngemincili.Njengombethe unyephisa umhlabauNdikhoyo ke uya kwenjenjaloukubavusa abo basishiya mandulo.
20 Ngenan' emagumbini enu, bantu bam;ewe, ngenani nizivalele kaloku,nikhe nizifihle okomzuzwana nje,ide ithothe le ngqumbo yakhe.