5 Yena ngumthobi wabakhukhumeleyo,asichitha-chithe nesixeko esomeleleyo,iindonga zidilike zibe luthuli,
6 baze abacinezelwa nabo basixovule,ewe, basixangxathe ngeenyawo.
7 Indlela yamalungisa ngumthebelele;wena othe ngqo uyayilungiselelanisa indlela yawo.
8 Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,sihlala sijonge kuwe;umnqweno neqhayiya lethu nguwe.
9 Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.Xa ulohlwaya ihlabathiabemi balo bafunda ngobulungisa.
10 Akuncedi nto ukwazelelela isikhohlakali;kaloku sivalekile, asibuqondi ubulungisa.Sona siyona nakwilizwe lamalungisa;asibuvumi ubungangamsha bukaNdikhoyo.
11 Abachasi bakho, Ndikhoyo, abaqondi ukuba uyohlwaya;bahlazise ubayekele ngeenzima.Masibe phezu kwabo isohlwayo,ubabonise ikhwele onalo ngabantu bakho.