5 Zona iintshaba mazizimele kum,mazizabalazele uxolelaniso;ngenene mazicele uxolo.”
6 Ngemihl' ezayo uYakobi uya kumila;ewe, uSirayeli uya kudubula aqhakaze;ilizwe lophuphuma yimveliso yakhe.
7 USirayeli noko yena akohlwaywanga kangako,noko akafaniswanga neentshaba zakhe,akatshatyalaliswanga njengabagwinti bakhe.
8 Yena wohlwaywe ngokuthinjwa,suka yena wafuduswa ngesaqhwithikazi somoya,njengeso somoya wasempuma.
9 Isono sikaYakobi ke socanyagushelwa,oko ke kube sisiqhamo sokuxolelwa kwakhe,akuba amatye amaqonga ecoliwe,nditsho amaqonga *oothixo basemzini.Bowacumza njengelitye elinkum-nkum,kungabi sabakho qonga lasiqhumiso,kungasali namfanekiso ka-Ashera.
10 Satsho salilolo isixeko esinqatyisiweyo.Mzindini obalekiweyo washiywa,ngoku sowumatwa nentlango.Kulapho adla khona amathole,anqunquda anqunqude acambalale.
11 Amaseb' emithi oma ade aqhuzuke,bancedakale ke abafazi ngezo nkuni.Kaloku esi sisizwe esingaqondiyo,ngoko ke tu usini kuMdali waso;ewe, uMxonxi akayi kuba naluvelwano.