8 Iitafile – mh-mh-mh, zibondekile!Zitsho zangamanangalala bobubuyayo;kurhiphilili, akukho nendawo!
9 Kodwa bakhalaza bathi:“Ngubani ongafundiswa nguye?Ntshumayeloni yona leyo?Suka! Ifanel' iintsana, yini le!Ilingen' abakhov' ukulunyulwa!
10 Khanimbone ukuzimisela kwakhe!Khanimve epitiliza ubugoci-goci;yenjenje, yenjenjeya,nci-nci-nci-nci, yonk' inanana!”
11 Ngoko ke uThixo wonithumel' iintlanga,isizw' esilwimi lungaziwayo;ngaso woninik' isifundo.
12 Ngani nina aba kanye wathi:“Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu;le yindawo yokuphumla!”Suka ke nina anamhoya.
13 Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyowosuka abe yinto nani;uza kunifundisa bonke ubugoci-goci,anithi nca ngabo ubucukubhede.Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana!Ngoko ke nosuka nithi thwanga,noba ngasus' unyawo nikhubeke;nosuka nenzakale ningxwelerheke;norhintyelek' emigibeni nithinjwe.
14 Iinzwi, ke nina bagxeki,nditsho nina balawul' eJerusalem!Yivani; uyatheth' *uNdikhoyo.