17 Kaloku kukho isimbo esithi:“Amahlathi aseLebhanon ojika abe ngumyezo weziqhamo,ke wona umyezo ube ngamahlathi.”
18 Ngaloo mini ke nesithulu siya kuva;siya kuweva amazwi afundwa encwadini.Nemfama ehlala esithokothokweni sobumnyamaovuleka amehlo ayo, itsho ibone.
19 Nabo bangazelwe nto uNdikhoyo uya kubavuselela ngolonwabo;abahlelelekileyo boba nemihlali ngoYedwa kaSirayeli.
20 Eso soba sisiphelo seendlobongela,batsho banqamke abamgxekayo uThixo,nabaququzeleli bobubi batsho baphele.
21 Baya kutshabalala abaphixanisayo;konyembeleka kwabacupha abantu ngobugqwetha;abo bajika ubulungisa ngobuxoki,bacudulele abantu abamsulwa.
22 Ngoko ke ngoku uNdikhoyo owakhulula uAbraham uthi mayela nendlu kaYakobi:“UYakobi akaphindi abe semahlazweni,engasoze aphinde abuye anxube!
23 Akubona inzala endiya kumpha yona,abantwana abangumsebenzi wam,uya kutsho avume athi mna ndinguYedwa kaYakobi.Ngenene, uya kundihlonela,akhahlele kum, mna Thixo kaSirayeli,alidumise igama lam elilodwa.