21 Baya kutshabalala abaphixanisayo;konyembeleka kwabacupha abantu ngobugqwetha;abo bajika ubulungisa ngobuxoki,bacudulele abantu abamsulwa.
22 Ngoko ke ngoku uNdikhoyo owakhulula uAbraham uthi mayela nendlu kaYakobi:“UYakobi akaphindi abe semahlazweni,engasoze aphinde abuye anxube!
23 Akubona inzala endiya kumpha yona,abantwana abangumsebenzi wam,uya kutsho avume athi mna ndinguYedwa kaYakobi.Ngenene, uya kundihlonela,akhahlele kum, mna Thixo kaSirayeli,alidumise igama lam elilodwa.
24 Nabo banxaxhileyo bofumana ingqiqo,nabo bambombozelayo bayamkele ingqeqesho.”