1 Nanko ke *uNdikhoyo onamandla onke!EJerusalem nakwaJuda ubhubhisa yonke intookwakuyinkxaso nesixhaso.Uza kutshayela kuthi tuukutya ngokunjalo namanzi.
2 Asisathethi ke ngamagorha namajoni,abagwebi kwakunye *nabashumayeli,oosangoma ngokunjalo neenkunkqela,
3 iingqwayi-ngqwayi zomkhosi noosomaqhuzu,amaphakathi nawo onke amachule,abakhafuli kanti nabemilingo.
4 UNdikhoyo uya kubayekela abantu balawulwe ngamakhwenkwe,amagosa abo abe ngabantu abangenankathalo.
5 Kaloku abantu baya kuxhaphazana,ibe nguwashiywa nowashiywa,nakubamelwane kube kwanjalo,nabantwana bangabahloneli abadala,nabaphantsi bangazikhathaleli izihandiba.
6 Ewe, liyeza ixesha apho abendlu enye baya kunyanzelana bathi:“Ngokuba wena unawo nomnwebangoko ke sikhokele kuwo lo mbodamo.”
7 Kambe ke lowo uya kuphendula athi:“Hayi, ndiyekeni, andinako mpela mna.Ndiyimpula kalujaca; andinakutya nazambatho;ngoko ke andinako ukunikhokela.”