12 Izizwe ziya kutshiswa okwamatye ekalika;ziya kufakwa umlilo okwezihlahla zameva.
13 Nina bantu bakude, phulaphulani;ewe, yiveni into endiyenzileyo;nina bakufuphi, wavumeni amandla am.”
14 Aboni baseZiyon bayagubha liphaphu,abangakhathalele Thixo bayangcangcazela.“Ngubani ke kuthi ongamelana nomlilo olenyayo?Ngubani onganyamezela umlilo ongacimekiyo?”
15 Ngondlela zithe ngqo nothetha kakuhle,nongafuni kungenelwa ngengcinezelo,noyingcathu ongazamkeliyo izicengo,ongahambisaniyo nabafutha amayelenqe,umntu ongafunaniyo nezinto ezimbi.
16 Onjalo ke uza noloyiso;ukhuseleke ngathi usemqolombeniapho ukutya namanzi kuhlala kuhleli.
17 Ke amehlo enu oze ambone ukumkaniethiwe jize ngesihomo nesithozela;owakhe umhlaba uthe gabalala.
18 Ngeenkumbulo nocamanga ngehambo-nzima yamandulo:“Waya phi umphicothi-ncukacha;ephi ke yena umvavanyi?Kanti uphi yena umhloli weenqaba?”