7 Nango amagorha abo ezibika;oonozaku-zaku abaphath' uxolo nâbo besitsho ngesikrakra.
8 Ngoku koohola sekuthe bhe;abahambi abavakali ndawo konke.Izivumelwano ziyakrotyozwa;ke izixeko zideliwe,akusekho mntu uhlonitshwayo.
9 Umhlaba ulele, ngamafusi nje,amahlathi aseLebhanon atshazile;ngoku iSharon ifana nentili yasentlango,imithi ibunile eBhashan naseKarmele.
10 *UNdikhoyo uthi:“Ngoku ke ndosuka ndiphakame;niza kububona ubungangamsha bam;ewe kaloku, ndiza kuzimaseka.
11 Nikhawul' umququ, nizal' inkintshi-nkintshi;kaloku nizitshabalalisa kwangokwenu.
12 Izizwe ziya kutshiswa okwamatye ekalika;ziya kufakwa umlilo okwezihlahla zameva.
13 Nina bantu bakude, phulaphulani;ewe, yiveni into endiyenzileyo;nina bakufuphi, wavumeni amandla am.”