5 Emazulwini umkhonto wam uxhaphile;nanko usihlela e-Edom,abantu abagwetyw' intshabalalo.
6 Umkhonto kaNdikhoyo wodad' egazini;ewe, utsho waxhapha ngamanqathangathi ligazi lamatakane neebhokhwe,namanqatha ezintso zenkunz' egusha.EBhozera uNdikhoyo uya kwenza idini;ewe, yoba ngamatyadidi kwaEdom.
7 Abantu baya kuwa njengenqu;bafane neenkunzi ezindala nezingamathole.Umhlaba uya kufuma ligazi,nothuli lunyephe ngamafutha.
8 Ngemini yakhe uNdikhoyo wophindezela,unyaka wembuyekezo ngenxa yeZiyon.
9 Imilamb' e-Edom yoba mnyama,umhlaba ufane nesalfure;umhlaba wofana netha evuthayo.
10 Wodangazela imini nobusuku,umsi utsho ngomlembelele othunquzayo,kube zizizukulwana ngezizukulwana libharhile,kungaze kunqumle mntu khona,
11 ilizwe limiwe sisikhova nesihulu-hulu,limiwe ngookhwalimanzi namahlungulu.UThixo wolibharhisa kwakhona elakwaEdom,libe njengelamandulo kungekadalwa nto.