31 Ophinda ke amasalela endlu kaJuda amile;ewe, aya kuzinza, aqhelezele yinkqubela.
32 Kaloku amasalela ovela eJerusalem,lithi nyalulu kwintaba iZiyon iqela lâbo babhungcileyo.UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto.’
33 “Ewe, uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo mayela nokumkani waseAsiriya:“ ‘Akasoze angene kwesi sixeko,engayi kudubula lutolo apha.Akasoze eze phambi kwaso,engayi kusihlanganisela ngakhaka.Akasayi kwakha asingqinge esi sixeko.
34 Ewe, wobuya agoduke kwangendlela ebeze ngayo.Soze angene kwesi sixeko!Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo.
35 Ndiya kusihlanganisela esi sixeko;ewe, mna ndiya kusihlangula.Ngenxa yesidima segama lam,nangenxa yesicaka sam uDavide,yonke loo nto ndiya kuyenza.’ ”
36 Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kumkhosi wama-Asiriya, safika sabulala ikhulu elinamashumi asibhozo anantlanu lamawaka amajoni. Bathe ke bakuvuka ngentsasa elandelayo bazibona izidumbu zithe gangalala!
37 Ngoko ke uSenakeribhe, ukumkani waseAsiriya, wazichitha warhoxa, wabuyela eNiniva, wahlala khona.