11 Besendisithi soze ndibe sambona apha *uNdikhoyo;besendimncamile kweli lizwe labaphilayo.Bendisithi ndahlukene noluntu mpela,kwanokuhamba-hamba kweli gada lomhlaba.
12 Besendifana nephempe labelusi,ndisithi ubomi bam bunqanyulwe.Njengelaphu lomsonti nam phantse ndasongwa;imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.
13 Bendizibamba ngeenkophe kude kuse;suka yena wandigramza njengengonyama.Imini nobusuku bendisithi kum iphelil' intw' ebithethwa.
14 Ilizwi lam belinkwiniza ngokwenkonjane,ndiphatha kubhonga njengehobe.Amehlo ade aluzizi ndijonge phezulu.Khawulamle, Mhlekazi, ndafa!
15 “Yaz'ba ndingathetha ndithini na kodwa?Kuba lo ngumlomo wakho;ewe, oku kukwenza kwakho.Maxa onke ndohlala ndidakumbilengenxa yokudandatheka komoya wam.
16 Ewe, Mhlekazi, kuphilwa ngolu hlobo;nomoya wam ngoku wanelisekile.Ndinyange nditsho ndibe ngumqaba-qaba,ngoko ke ndiphilele wena.
17 Ubukrakra bube lusizo kum;undihlangule kubo bonke ububi,waza ke wazixolela nezono zam.