5 “Xelela uHezekiya uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho.
6 Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela.’ ”
7 UIsaya uqhube wathi: “Nanku umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe:
8 umthunzi welanga uza kuwuhlehlisa iinyawo ezilishumi, ubuye umva kulaa ndawo ukuyo kwisitupu sika-Ahazi.”Ngenene ke umthunzi welanga wahlehla iinyawo ezilishumi.
9 Ke kaloku akuphila uHezekiya, ukumkani wakwaJuda, wenza lo mbongo:
10 “Phantse ndathi kanye xa ndiyindodakwafuneka ndindwendwele kwelabafileyo,phofu ndingazukuphinda ndibuxhamle ubomi.
11 Besendisithi soze ndibe sambona apha *uNdikhoyo;besendimncamile kweli lizwe labaphilayo.Bendisithi ndahlukene noluntu mpela,kwanokuhamba-hamba kweli gada lomhlaba.