2 Zifikile ke, uHezekiya wavuya, wazamkela, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva, igolide, ubulawu, neziqholo, ngokunjalo nazo zonke izikrweqe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.
3 *Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude, eBhabheli, esiza kum.”
4 “Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.UHezekile uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”
5 Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke:
6 ‘Ngenene kuza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje, liya kuthinjwa, lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.
7 Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”
8 “Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”